Kwiinzame zokunyanzelisa ukhuseleko lweMithetho kaMasipala, iphulo elilungelelanisiweyo liqhutywe nguMasipala oMbaxa waseBuffalo City kunye neqela loKhuseleko ukuze kujongwe ukuthotyelwa kwemiqathango yoshishino.
Kwiinzame zokunyanzelisa ukhuseleko lweMithetho kaMasipala, iphulo elilungelelanisiweyo liqhutywe nguMasipala oMbaxa waseBuffalo City kunye neqela loKhuseleko ukuze kujongwe ukuthotyelwa kwemiqathango yoshishino. Kweliphulo kunajwe abemi bangaphandle abangamashumi amathathu anesithathu (33) kwaye kwavalwa neevenkile ezisibhozo (08). Oku kwenzeke izolo umhla wethoba (09) kweyeKhala 2024.
Ngokwengxelo yoMasipala iBuffalo City, olu gqogqo lujolise kumaqumrhu angathobeliyo atyeshela iMithetho kaMasipala weSixeko. Olu gqogqo luqale eVincent lwaze lwaya kutsho eBeacon Bay naseNompumelelo.
IiNkonzo zoNyanzeliso loMthetho kwiSixeko ziye zafuna uncedo kwisikhululo samaPolisa aseCambridge kunye nesikhululo samaPolisa saseBeacon Bay ukuze kuqwalaselwe kwaye kuqinisekiswe ukuthotyelwa okuqhubekekayo kulo mmandla.
Bangamashumi amabini bebonke abantu ababanjiweyo eBeacon Bay ngokuqhuba amashishini kumhlaba kamasipala ngaphandle kwemvume. Iindawo ezimbini ziye zagqogqwa kwaye ziza kuhlala zivaliwe ngokungenasiphelo ngenkxaso yeNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika (SAPS) kulo mmandla.
“Iikhonteyina ezisetyenziswa ngala mashishini kufuneka zisuswe kwaye naziphi na iinzame zokuphinda zivulwe ziya kubangela ukuba abanye babanjwe. Siza kuqinisekisa ukuba asizukukhupha maxwebhu kubami bangaphandle abangekho mthethweni,” utshilo obambeleyo uManejala uLuyanda Madikizela.