Amatsantsantsa aPitoli abambene ngeqanda neqela lasekapa

Azipheli iingxaki zeCape Town Spurs emva kokudlala ngokulingana neqela leSupersport United ekuhambeni.

ICape Town Spurs ibambene ngeqanda macala(0-0) neSupersport United ePitoli phezolo umhla weshumi(10) kulenyanga kaCanzibe.

Nangona ibilangazelela onke amanqaku amathathu(3) iSpurs kodwa ngokuqinisekileyo banakho ukuxola ngokubuya nenqaku(1) ekuhambeni kunokuba babethwe.

IiWarrious zisemsileni kuluhlu lamaqela kwiDSTV Premiership ukutsho oko bakwishumi elinesithandathu(16) bavale ucango. Iqela elingaphezulu kwabo yiRichards Bay nezakuqubisana nePirates elwela indawo yesibini(2) linamashumi amabini anesine(24) amanqaku ebhodini.

Kwelinye icala kukho amaqela angekude kuyaphi ngamanqaku, iqela leSwallows neqela leRoyal AM, ukhumbule ukuba iThwihli Thwahla nenamanqaku angamashumi amabini anethoba(29) nelingana neSwallows inomdlalo onzima kulempela veki iqubisana neSundowns iinjinga zeleague. Nayo iSwallows yamkela iStellies kumdlalo ozakuba nobunzima kuba iStellenbosch FC sifuna ukukhusela landawo bakuyo yesibini(2) kuluhlu lamaqela ePSL.

Kanti ke naMazulu awakudanga kuyaphi kuba bahleli kumashumi amathathu anesibini(32), wona azakuqubisana kowayo eDurban neengxwelerha zeKaizer Chiefs ezingekaphumeleli emva kohlazo lempama kwinqaku(5-1) neenjinga iSundowns.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA