11.4 C
King William's Town
Friday, September 6, 2024

Ibhodi yotywala ikwilinge lokujongana nefuthe lolwaphulo-mthetho kumashishini aseMpuma Koloni

Ibhodi yotywala eMpuma Koloni ibambisene neNdlu yoWiso-mthetho yeMpuma Koloni, kutsha nje ibambe ingxoxo nabarhwebi botywala kunye nabahlali, malunga nolwaphulo-mthetho eGqeberha kwiinzame zokuthomalalisa ulwaphulo-mthetho eNelson Mandela Bay.

Injongo ibikukulungisa ifuthe lolwaphulo-mthetho kumashishini nokukhuthaza urhwebo olunenkathalo kwindawo engenalwaphulo-mthetho. Kwezi nyanga zidlulileyo izinga lolwaphulo mthetho liye laqatsela eGqeberha ingakumbi ezilokishini.

Iinkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho kweli phondo ezikhutshwe ngeyoMdumba, zibonakalisa ukuba iNelson Mandela Bay ibe negalelo elikhulu kulwaphulo-mthetho olwenziwe kweli phondo phakathi kweyeDwarha ukuya kweyoMnga ka-2023. Uluntu, iintsapho, amashishini, izikolo neecawa ziye zachatshazelwa lulwaphulo-mthetho.

Kusenjalo, uSihlalo weeKomiti kwiNdlu yoWiso-mthetho eMpuma Koloni uTony Duba uthi utywala bebungunozala phantse kuzo zonke izenzo zolwaphulo-mthetho.

“Ulwaphulo-mthetho ngumcimbi ofuna intsebenziswano, asingomcimbi wento eyenziwa ngaphandle kuluntu nakwiintsapho. Umzekelo, ubundlobongela obusekelezelwe kwisini benziwa ngamadoda ukuya kumakhosikazi.

Umba wolwaphulo-mthetho awuzusonjululwa nguye nabani na ngaphandle kwabahlali ngokwabo,” wongeza uDuba.

UNobhala weNgingqi wabaRhwebi boTywala, uMongameli Ngqokwe, uthi baphulukana nabathengi.

“Amashishini ethu nawo ayachaphazeleka kuba ngoku abantu bafudukela kwiindawo zembutho ezikufutshane nedolophu. Kuba babona kukhuselekile ukuya apho kunasezilokishini nanjengoko kukho ulwaphulo mthetho apha,” utshilo.

Ukusela utywala obungaphantsi, abarhwebi abangenazo iimpepha-mvume, nogonyamelo zezinye zezinto eziye zakhankanywa.

Ingqonyela yebhodi yeEastern Cape Liquor Board, uGqirha Nombuyiselo Makala, uthi uxanduva lwebhodi kukuqinisekisa ukhuseleko lwabathengi. “Silapha namhlanje ukulumkisa abarhwebi botywala, abaxhasi, kunye noluntu ukuba akukho nto igwenxa ngokusela utywala kodwa into engalunganga kubundlobongela kwabanye,” utshilo.

Eli phulo liza kunatyiselwa nakwezinye iindawo ezithwaxwa lulwaphulo-mthetho eMpuma Koloni.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
11.4 ° C
11.4 °
11.4 °
82 %
3.5kmh
100 %
Fri
18 °
Sat
17 °
Sun
19 °
Mon
12 °
Tue
11 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks