Malunga nesibini kwisithathu sokubulawa kwabantu eMzantsi Afrika okungaspmbululwa ngenxa yobungqina obunganelanga, ngokwezibalo ezikhutshwe ngeCawe.
Amapolisa avale ngaphandle kwesiphumo ngaphezulu kwamashumi asixhenxe anesithandathu samawaka (76,000) yamatyala okubulala aphantse abeyi-115,000 ashicilelweyo elizweni phakathi konyaka-mali ka-2018-2019 kunye noDisemba ka-2023.
Usekela-somlomo weDA kwimiba yamapolisa uLisa Schickerling uthi la manani bawanike emva kwesicelo ngokusebenzisa umthetho iProtection of Personal Information Act 4 ka-2013.
Esithi oku kungenxa yokunqongophala kwabacuphi abaqeqeshiweyo, buqu ngenxa yokunqongophala kwemali, uxelele i-AFP.
Uthi umthwalo womsebenzi kubacuphi uphezulu kakhulu. Uninzi lwabo lunamatyala aphakathi kwamakhulu amathathu anamashumi amathathu (350) kunye kumakhulu amahlanu (500) nganye.
Ukubulala asikokuphela kolwaphulo-mthetho olungaconjululwa.
Angaphaya kwamawaka angamashumi amathandathu ananye amatyala odlwengulo kunye namawaka alithoba amatyala okuxhwila nawo avalwa ngaphandle kweziphumo kwangelo xesha linye, iinkcukacha ezinikwe iDA ngumphathiswa wamapolisa kulandela isicelo sepalamente.
“Le yimeko embi efuna ungenelelo olukhawulezileyo,” utshilo uSchickerling.
UMzantsi Afrika unelinye lawona mazinga aphezulu olwaphulo-mthetho ehlabathini. Ishicilila phantse amashumi asibhozo anesine (84) wokubulawa kwabantu ngosuku phakathi kuka-Okthobha noDisemba wonyaka ophelileyo, ngokwamanani asemthethweni.
Kudala elona qela liphikisayo, iDA ngoku iyinxalenye yorhulumente wembumba ebanzi ekhokelwa ngumbutho ekudala ulawula iAfrican National Congress, nophulukene nesininzi okokuqala kwiminyaka engamashumi amathathu (30) kwivoti kaMeyi.