IBuild One South Africa (BOSA) phantsi kobunkokheli bukaMmusi Maimane isungula uxwebhu lwezikhalazo kwilizwe lonke elikhuthaza ukuba incwadi yeSizwe yabaPhuli-Mthetho ngokweSondo (NRSO) yenziwe esidlangalaleni.
Isithethi esibambeleyo uRoger Solomons uthi olu luhlu kufuneka lufikeleleke kuye nabani na kweli lizwe. Uthi okwangoku ukufikelela kwiRejista yinkqubo ethatha ixesha efuna umrhumo wekhulu elinamashumi amahlanu (R150 kunye nexesha lokulinda leeveki ezintandathu (6) ubuncinane.
USolomons uthi esi senzo siyakutyhafisa ukwenza izinto elubala kwaye sinqanda ukuthiywa kwanokuhlaziswa kwabaphuli-mthetho ngokwesondo, elinyathelo eliyimfuneko ekuphenduleni.
I-BOSA ikholelwa ukuba ukufikelela lula kulwazi olu loluhlobo kubalulekile kukhuseleko nakwintlalontle yoluntu, ingakumbi abona basemngciphekweni.
Eli qela likholelwa ukuba iya kuba linyathelo elibalulekileyo ekuthinteleni abaphuli-mthetho ngokwesondo kunye nabo baxhaphaza abafazi, kwaye kuya kwenza uluntu luphaphe ngakumbi.
Uxwebhu lwezikhalazo luya kunikezelwa kuBaphathiswa bamaPolisa noBulungisa.