11.2 C
King William's Town
Sunday, September 8, 2024

Lusathe gqolo ulwaphulo-mthetho eGqeberha

Amadoda amane (4) axhobileyo aphange abantwana besikolo, abazali nootishala ngezinto zabo ngethuba bekusingathwe umsitho wokuwonga eMotherwell eGqeberha.

Abafundi bezikolo ezingqongileyo eMotherwell bebedibene kwinkonzo ekwisitalato saseMhlanga, eNU12 ngoLwesihlanu, bezokufumana amabhaso abo emfundo.

Abarhanelwa badubule kwisilingi.

Ethetha neTimesLIVE, omnye umzali uthe la madoda anxiba iimaski zotyando kwaye ayalele amaxhoba ukuba angqengqe phantsi ngelixa ethatha izinto zawo phambi kokuba abalekele kwindawo yexhwayelo.

Isithethi samapolisa uKapteni Andre Beetge uthe: “Bathathe iiselfowuni ezingamashumi amathathu (30)bemka neemoto ezimbini abazithathe kubanikazi bazo. enye yezithuthi].

Ityala lokuphanga ishishini livulwe kwisikhululo samapolisa saseMotherwell. UBeetge uthe akukabanjwa mntu kwaye amapolisa ayaphanda.

Kwangokufanayo, kwiveki ephelileyo amakholwa aseNew Brighton, eGqeberha, aphangwa izinto zawo kunye nesixa semali esingachazwanga.

Kwinyanga ephelileyo, kuphangwe kuxhotyiwe kwindawo yakwaDStv eNewtown Park eGqeberha. Abarhanelwa abane bathathe iiselfowuni.

Umphathiswa omtsha wamapolisa uSenzo Mchunu utyelele eNelson Mandela Bay kwinyanga ephelileyo ngengxaki yokwanda kolwaphulo-mthetho kumasipala ombaxa. Uxelele abahlali isebe lenkonzo kunye nomongameli uCyril Ramaphosa baxoxa ngokusasaza uMkhosi wezokhuseleko waseMzabtsi Afrika kwaye babhengeze ubugebenga kwesi sixeko njengentlekele yesizwe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
11.2 ° C
11.2 °
11.2 °
76 %
3.8kmh
100 %
Sun
17 °
Mon
13 °
Tue
21 °
Wed
22 °
Thu
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks