Amaxabiso ePetroli anokunyuka kungekudala.

By Lilitha Phenduka.

NgokweSebe leMithombo yeziMbiwa naMandla, amaxabiso epetroli eMzantsi Afrika ayahlengahlengiswa nyanga nenyanga, oko kuxhomekeka ngokwezinto zamazwe ngamazwe nezekhaya.

Imiba yamazwe ngamazwe ibandakanya into yokuba uMzantsi Afrika ungenisa ngaphandle kwe-oli ekrwada kunye neemveliso ezigqityiweyo ngexabiso elibekwe kwinqanaba lamazwe ngamazwe, kubandakanywa iindleko zokungeniswa kwamanye amazwe, umzekelo, iindleko zokuthumela ngenqanawa.

Ukwehliswa kwamaxabiso epetroli kule nyanga ngomhla wesihlanu (5) kweyoKwindla, kukhokelele kwinzuzo edingeka kakhulu kwicandelo lezothutho laseMzantsi Afrika, kodwa anokupheliswa kukunyuka kwerhafu okungenzeka kule veki.

Iingxelo zidize ukuba uDaniel Wesonga, uMphathi omkhulu wentengiso kwiqonga lorhwebo iPepperstone uthe, icandelo lezothutho likhokele oku, nge-1.17% kulandela ukuthotywa kancinane kwamaxabiso epetroli.

Iingcali zoqoqosho kwaNedbank zithi zilindele uMphathiswa wezezimali uEnoch Godongwana ukuba abhengeze ukunyuka kwerhafu yepetroli xa enikezela ngohlahlo lwabiwo-mali oluhlaziyiweyo ngoLwesithathu, umhla weshumi elinesibini (12) kweyoKwindla. Oku kuza kuphawula ukuguqulwa kohlahlo lwabiwo-mali lokuqala olucetyiweyo lwamafutha ezithuthi kunye nokumiswa kwerhafu yengxowa-mali yeengozi zendlela.

Amafutha kunye neerhafu zika-RAF azikahlengahlengiswa ukusukela ngo-Tshazimpuzi ka-2022. Oosoqoqosho abaninzi bebelindele ukuba irhafu inyuswe kuhlahlo lwabiwo-mali lokuqala, ngokunyuswa kwe-VAT okucetywayo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
16.1 ° C
16.1 °
16.1 °
92 %
4.2kmh
100 %
Mon
23 °
Tue
24 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
22 °

EZITHANDWAYO INDABA