By Asipile Kitchen.
Igwetywe ubomi inkonde eneminyaka engamashumi asithandathu anesithathu (63) ubudala yinkundla yamatyala yaseCala ngezityholo zokudlwengula umtshana wesinqandamathe sakhe.
Ixhoba, elaba yinkedama liseneminyaka ephantsi, lakhuliswa ngumakazi walo obethandana noMzwanele Michael Eleni.
Bebehlala emzini wabo eLupapasi eCala nalapho okukuhlukumezeka kwaqhubeka khona iminyaka embalwa ngelixa ixhoba likhula.
Isithethi se-National Prosecuting Authority (NPA) uLuxolo Tyali uthe ixhoba lalimxelele umakazi walo ngokuhlukunyezwa kwalo.
Nangona kunjalo, kwenziwa intlanganiso yosapho kwagqitywa ekubeni zigcinwe ziyimfihlo ezi zityholo.
“Ukuhlukumezeka kwaqhubeka nasemva kwentlanganiso yosapho de omele i-Community Prosecution Initiative ye-NPA wanikeza ingxelo yokuqonda kwisiganeko esasibanjelwe eLupapasi ngomnyaka ka-2023, apho lalikhona ixhoba elalineminyaka elishumi elinesine (14) ubudala ngoko,” utshilo uTyali.
“Emva kokuva ukuba angalivula ityala, waxelela umalume wakhe ngokudlwengulwa kwakhe nto leyo ekhokelele ekuvulweni kwetyala nokubanjwa kuka-Eleni.
“Ixhoba lihanjisiwe endlini kamakazi walo layohlaliswa nelinye ilungu losapho.”
Ibambela mtshutshisi lasenkundleni yamatyala uOdwa Mmeli ukhokele ubungqina bamangqina amathathu-ixhoba, umalume walo nomakazi walo, oye wakleyima ukuba ebengalikholelwa ixhoba.
Ixhoba libunikezile ubungqina lincediswa ngumlamli.
“Umtyholwa uziphikile izityholo ezibekwa kuye exelela inkundla ukuba ixhoba liphembelelwe ngumalume walo, obengabufuni ubudlelwane obuphakathi kwakhe nomakazi wexhoba,” utshilo uTyali.
Ngexesha lokugwetywa , umkhuseli uphikise ngelithi ubudala buka-Eleni buseka ukunyanzeleka kwemeko zokutenxa kobuncinci besigwebo.
Nangona kunjalo, inkundla ivumelene nokungeniswe ngumtshutshisi ngokuhlukunyezwa kwexhoba ithuba elingaka, ukuxhatshazwa komntwana oyinkedama ngu-Eleni nokungabonisi kuzisola kwakhe kuyakuthethelela ukugwetywa kwakhe ubomi.
Ekwamkeleni isigwebo, uDirector of Public Prosecutions (DPP) waseMpuma Kapa uBarry Madolo uqaphele ukuba indima ye-CPI yokufundisa uluntu nokubonelela ngongenelelo apho kunyanzelekileyo kubaneziphumo ezifunekayo eluntwini.

