IQELA LOMZANTSI AFRIKA LAMAGQIYAZANA EBHOLA EKHATYWAYO APHUMILE KWINDEBE YEHLABATHI
Nangona iBanyana Banyana ibethiwe yakhutshwa kwindebe yehlabathi kodwa kufanele siyothulele umnqeazi siyihalalisele ngokuzimisela nangendlela edlale ngayo kuletumente, xa sinokujonga sithelekise nexesha babesaqala kunyaka ka2019 nalapho yaye yabethwa yonke imidlalo yayo kodwa apha kule ibanjelwe eAustralia naseNew Zealand badlale ngokuzimisela bebengajonganga ukuba iqela libekwa ndawoni kumanqwanqwa eFIFA okanye bayiphumelele kangaphi indebe yehlabathi bebedlala bezilinganisa nawo lamaqela angompondo zihlanjiwe.
Kuqala ngqa kumdlalo wokuqala baye bazinikela bedlala neqela elikwindawo yesithathu kumanqwanqwa ehlabathi nalapho iBanyana Banyana yathi yankqenkqeza phambili ngenqaku kwiqanda nto leyo eyaye yacaca ukuba babethwe ngamava kungenjalo baphumelela umdlalo ungekapheli, aphindile amanina asekhaya aqubisana neqela lamagqiyazana aseArgentina nalapho bakhokela phambili ngamanqaku amabini eqandeni kodwa baphulukana nelo thuba ngokuyeka amanina aseArgentina abuye alinganise amanqaku ngethuba belingana ngamabini macala
Baphindile baqubisana neItaly nalapho baye bazibonakalisa ngokuthi babuye emva okokuqala nto leyo ebonisa ukuba bayinto ngobunto bayo ngokuthi bakwazi ukufumana amanqaku amane bephumelela umdlalo omnye babethwa kwakanye badlala ngokulingana kwakanye nto leyo eyokubabeka kumaqela aphambili alishumi elinesithandathu akhiqanayo.
Liye lakhiqwa kengoko ngoku ngecawa ekuseni ngentsimbi yesine iqela leBanyana Banyana nalapho libethwe ngamanqaku amabini eqandeni ngamagqiyazana aseNetherlsnds, kulomdlalo iBanyana izame kangangoko ibihlasela ngamandla egeza efuna into ibilapho ingazibekelanga phantsi tuu kengoku. Masibahalalisele ngokuphela kwindawo yesibini kumaqela amakhulu amane ehlabathi siphinde sithi halala kubo ngokukwazi ukufikelela kumaqela alishumi elinesithandsthu.