Inene inene, indlala iyabulala
UMkomishinala wePhondo leMpuma Koloni uLieutenant General Nomthetheleli Mene uvakalise usizi nenkxalabo emva kokubhubha kwabasetyhini abane(4) kwindawo eyaziwa ukuba kuseTholeni eGcuwa.
Ingxelo ezithe vetshe zichaza ukuba malunga nentsimbi yesixhenxe(07:00) ngentsasa yayizolo umhla we-6 kweyeThupha ngo-2023, nkosikazi ithile ityelele uronta lo uhlala esisine(4) ngethuba efumanisa oku kukhwankqisayo.
UBongeka Buso(38) ufunyenwe ejinga kwintambo kuronta logama abantwana ababini uOrabile Buso(8) noOratile Buso(5) befunyenwe bebhubhile ebhedini. UAnathi Buso, nomalunga neminyaka elishumi elinesine(14) ubudala ufunyanwe elele phantsi ecaleni kwebhedi enemela entanyeni yakhe. UBongeka Buso ebengumama kwababantwana abathathu.
Kurhaneleka ukuba aba bantwana babini bancinci batyhiswe ityhefu. Isizathu sokubhubha kwabantu asikaziwa ngamapolisa nangona kunjalo kurhanelwa ukuba oku kuphenjelelwe yintlupheko enendlala.
Ityala lokubulala x3 kunye nophando luyavulwa ukuze kuphandwe.