Umasipala waseNgqushwa ebambisene neMoral Regeneration Movement, Khula Development Agency, Amapolisa oMzantsi Afrika, Ntuthuzelo Advice Centre, kunye neBhunga leeNkonzo zakwaLizwi eNgqushwa izolo elinye baqhube umthandazo wesikhumbuzo songasekhoyo uKholosa Mphunga (27) welali yaseZondeka kwaWadi 2 nomanejala wakhe abathi bagetyengwa ngokungenalusini baphoswa entlanjeni emathafa elali yaseGcinisa.
Injongo yalo mthandazo kunika uthemba kusapho ukuze bangabi nemibuzo engaphendulekiyo. Umasipala uthi kulenyanga yoMama umentla usuthi kwanele kumzi ontsundu, usithi ootata kufanele bakhusele oomama, iNgqushwa mayingabi yindawo yezihange kubonakale ukuba abantu baza koyika nokuza kuyiphuhlisa ngenxa yongakwazi kuziphatha kwabantu.
I-ofisi kaSomlomo Daniswa Ncanywa iye yabonelela elikhaya ngegrocery.
Usapho loTolo noNtshilibe luye labulela ngokuba bebonisiwe apho umntwana wabo awele khona. Besithi Enkosi, Enkosi Enkosi kuMasipala. Uceba Thobeka Dinginto, okhokhela kwi Women Caucus uthe nabo bathi ngxe kwikhaya, bebulela ngembeko abathe bayinika umasipala ngokuvuma ukuza kulendawo.