15.2 C
King William's Town
Thursday, November 30, 2023

Asizokuwasela amanzi amdaka, inqununu mayizame mphini wumbi

NGUQHUSAA KWISIKOLO SASEDIKENI BAQHANQALAZELA UKUNQONGOPHALA KWAMANZI

Ziguqukile iitafile ePhandulwazi sisiphithiphithi amapolisa amaxhaphetshu luqhankqalazo lwabafundi besisikolo samabanga aphakamileyo sase Dikeni nanjengoko bevale indlela kusasa nje ngenxa yomba wamanzi angekhoyo.

Iingxelo zithi lide ithuba amanzi engekho kwesisikolo kwaye akude kubonakale tshintsho nanjengoko lemeko ichaphazela imfundo yabafundi besisikolo. Ukanti ibanga leshumi kunyaka ophelileyo kwesisikolo lapaselwa ngo98% nto leyo ebonisa ukuba abafundi besisikolo babheka pha nemfundo. Ngelishwa ngenxa yamanzi ashokoxekileyo ayipheli inyanga bengabuyiselwanga emakhaya abafundi ngenxa yokoyikiselwa izigulo, nanjengoko iPhandulwazi le inendawo abahlala kuyo abafundi (hostel).

Kutsha nje kule yeThupha kuvakele ukuba izithuthi zamanzi zifikile ukuzisa amanzi okusela kodwa abafundi bathi abonelisekanga ngalamanzi agalelwe kulamatanki bafuna ukugungxula boyikisela ukuba abafundi abangamantombi bangadlwengulwa xa beyokuzinceda emahlathini nanjengokuba bequqa emahlathini xakungekho manzi okanye batyiwe ziinyoka. Abazali baxhalabile sesisenzo bakwafumane imbalelwano esuka kwinqununu ikuba bancede balande abantwana nanjengoko imeko yoqhankqalazo isiya ingalawuleki.

Abazali bafikile ukuzokuthatha abantwana babo kodwa bathi unotshe abayi ndawo bafuna umhloli nenqununu malinga nalemeko ngokwengxelo yomnye wabazali bathi abantwana abawafuni lamanzi la bawanikwayo wokupheka amdaka.

Ingxelo: Siya Sitofile

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
29 %
2.4kmh
15 %
Thu
31 °
Fri
42 °
Sat
29 °
Sun
30 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks