15.2 C
King William's Town
Thursday, November 30, 2023

Ide yafika imini ebikade ixelwa, iBRICS summit eRhawutini

Umongameli uCyril Ramaphosa uthi ukuma koMzantsi Afrika kumgaqo-nkqubo wezangaphandle ukusukela oko kwangena inkululeko kwenze ukuba ube liqabane elithembekileyo kwezozakuzo.

Ebethetha nesizwe, phambi kweNgqungquthela ye-15 ye-BRICS, neza kuqhuba ngoLwesibini eSandton, kumantla eRhawuti. Uphinde wahlaba ikhwelo leBRICS kulungelelwaniso lwehlabathi olubandakanyayo. Ukusingatha koMzantsi Afrika le ngqungquthela kuxhokonxe umsindo kumaqabane awo ehlabathi ngenxa yokungakhethi cala kwawo kungquzulwano lwaseRussia-Ukraine.

URamaphosa uthe le ngqungquthela ikhethekileyo yeBRICS ibalulekile. Esithi I-BRICS njengombutho idlala indima ebalulekileyo kwihlabathi ngenxa yamandla ayo kwezoqoqosho, kwimarike, impembelelo yezopolitiko nentsebenziswano kuphuhliso. URamaphosa uthi Amazwe e-BRICS ngokudibeneyo angabumba iinguqu zehlabathi, kwaye asebenze kunye, anamandla okuqhuba utshintsho olubalulekileyo kuqoqosho lwehlabathi kunye nobudlelwane bamazwe ngamazwe.

Ethetha ngotyelelo lwasebuRhulumenteni kunye nokuzimasa iNgqungquthela ye-BRICS ngoMongameli uXi Jinping waseChina, uMongameli Ramaphosa uthi i-China noMzantsi Afrika bazimisele ukutyikitya izivumelwano ezininzi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
29 %
2.4kmh
15 %
Thu
31 °
Fri
42 °
Sat
29 °
Sun
30 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks