Ide yafika imini ebikade ixelwa, iBRICS summit eRhawutini

Umongameli uCyril Ramaphosa uthi ukuma koMzantsi Afrika kumgaqo-nkqubo wezangaphandle ukusukela oko kwangena inkululeko kwenze ukuba ube liqabane elithembekileyo kwezozakuzo.

Ebethetha nesizwe, phambi kweNgqungquthela ye-15 ye-BRICS, neza kuqhuba ngoLwesibini eSandton, kumantla eRhawuti. Uphinde wahlaba ikhwelo leBRICS kulungelelwaniso lwehlabathi olubandakanyayo. Ukusingatha koMzantsi Afrika le ngqungquthela kuxhokonxe umsindo kumaqabane awo ehlabathi ngenxa yokungakhethi cala kwawo kungquzulwano lwaseRussia-Ukraine.

URamaphosa uthe le ngqungquthela ikhethekileyo yeBRICS ibalulekile. Esithi I-BRICS njengombutho idlala indima ebalulekileyo kwihlabathi ngenxa yamandla ayo kwezoqoqosho, kwimarike, impembelelo yezopolitiko nentsebenziswano kuphuhliso. URamaphosa uthi Amazwe e-BRICS ngokudibeneyo angabumba iinguqu zehlabathi, kwaye asebenze kunye, anamandla okuqhuba utshintsho olubalulekileyo kuqoqosho lwehlabathi kunye nobudlelwane bamazwe ngamazwe.

Ethetha ngotyelelo lwasebuRhulumenteni kunye nokuzimasa iNgqungquthela ye-BRICS ngoMongameli uXi Jinping waseChina, uMongameli Ramaphosa uthi i-China noMzantsi Afrika bazimisele ukutyikitya izivumelwano ezininzi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.2 ° C
20.2 °
20.2 °
66 %
3.3kmh
100 %
Sat
26 °
Sun
25 °
Mon
22 °
Tue
33 °
Wed
23 °

EZITHANDWAYO INDABA