12.6 C
King William's Town
Thursday, March 27, 2025

Kuphangwe kuxhotyiwe iivenkile ezimbini eMonti.

Abathengi kudederhu lweevenkile iHemingways eMonti bashiyeke benxunguphele emva kweendaba zokuphanga kuxhotyiwe zinwenwe okomlilo wedobo kumakhasi onxibelelwano ngoMgqibelo.

Kutyholwa ukuba abarhanelwa abahlanu basebenzise isicwangciso sabo malunga nesiqingatha seyure phambi kokuba kuvalwe kwaye baphumelele ukubiwa iimpahla ezixabisa malunga nesiqingatha sesigidi seerandi. Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthi abarhanelwa batyhale oonogada bendawo yokuthengisa evenkileni ngelixa omnye eshiyeke ejonge emnyango. Uthi oonogada bagrogriswa ngompu baza baxelelwa ukuba balale phantsi lo gama la madoda elayisha impahla yawo kwiingxowa ezimbini ezinkulu.

UColonel Naidu uthi kuye kwadutyulwa ngexesha abarhanelwa bebaleka kodwa akukho mntu wonzakeleyo. Amapolisa awazange alichaze igama levenkile ephangiweyo kwaye aqinisekise ukuba ummangali oneminyaka engama-30 ubudala wabiza amapolisa xa abarhanelwa bebaleka. Ityala lokuphanga ishishini liyaphandwa kwaye akukabanjwa mntu.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
12.6 ° C
12.6 °
12.6 °
84 %
1.9kmh
0 %
Thu
23 °
Fri
26 °
Sat
27 °
Sun
25 °
Mon
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks