Inkundla kaMantyi yaseAlice, ehleli eDimbaza, ikhulule ngebheyile abanye abarhanelwa abalishumi (10) kwityala lobuqhophololo lakwaNokholeji (Idyunivesithi yaseFort Hare (UFH)).
IGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) lithi ligqibe ekubeni lingayichasi ibheyile yabamangalelwa abalishumi (10), emva kokuqwalasela iimeko ezithile kwiimeko zabo.
Abarhanelwa abalishumi(10) baquka ababekade bengabasebenzi kunye nababoneleli ngeenkonzo abanikwe ibheyile amashumi amahlanu amawaka eerandi (-R50 000) umntu ngamnye.
Njengenxalenye yemiqathango yebheyile, kulindeleke ukuba banike ingxelo kwizikhululo zabo zamapolisa ngooLwezithathu ze banikezele amaxwebhu okundwendwela amanye amszwe wabo kumphandi.
Isithethi seNPA kwiNgingqi uLuxolo Tyali uthe ukusukela ngoLwesihlanu umhla weshumi elinesibini (12), urhulumente uzakuyichasa ibheyile yabarhanelwa abathathu (3) kwabalishumi elinesihlanu (15).
Aba bathathu (3) baquka otyholwa ngokuba ngungqondongqondo, u-Isaac Plaatjies, umhlobo wakhe, uTerrence Joubert kunye nowayesakuba ngunogada wemvumi edumileyo u-AKA ongasekhoyo, uAnwar Khan.
Ukanti eli qela libanjwe kwimpelaveki yePasika ligqiza likaZwelonke eliphanda ubugebenga bakwaNokholeji, nesele ikhokelele kwiziganeko zokubulala nokuzama ukubulala. Batyholwa ngokuba nesivumelwano sokunikezela ngeekhontrakthi zethenda ngobuqhophololo, bebuyisela imbuyekezo yemali.
IYunivesithi ihlawule imali engaphaya kwekhulu elinamashumi asixhenxe ezigidi zeerandi, uninzi lwayo kutyholwa ukuba iye yafumana indlela yokuya kwiipokotho zabatyholwa abebengabasebenzi baleDyunivesithi.
Ezi khontrakthi zethenda ziza phambi kokudutyulwa ngobundlobongela kwabasebenzi abaphezulu base Fort Hare.
UPlaajties ukwajongene namanye amatyala ekunye nabanye abantu abalithoba (9) ngokubulala umphathi wezithuthi kwiYunivesithi yaseFort Hare, uPetrus Roets, kunye nonogada kaSekela-Ngqonyela uSakhele Buhlungu, uMboneli Vesele.
Ukwajongene nezityholo zokuzama ukubulala uSekela-Ngonyela uSakhele Buhlungu kunye nesekela lakhe uRenuka Vithal.
Abalishumi(10) abakwityala lokubulala balindelwe kwinkundla ephakamileyo yaseBhisho ngomhla wesibhozo (8) kweyeDwarha.

