By Asipile Kitchen.
Avele okokuqala enkundleni kamantyi eKariega amadoda amane agwetyelwe ukubulala izihlandlo ezimbini kunye namatyala okudlwengula aliqela. La madoda mane, uAkhululwe Phungulwa (28), uAnele Ngalo (27), uZubenathi Dyakumeni (27) noSiphosethu Gomomo (21) babanjwa emva kokubulawa kwamaxhoba amabini akwishumi elivisayo okwenzeka phakathi kweshumi elinesixhenxe neshumi elinesibhozo (18) kweyeSilmela 2025 Kwanobuhle.
Kutyholwa ukuba emva kwemini yomhla weshumi elinesixhenxe (17) kweyeSilimela 2025, isibini esibhubhileyo, esineminyaka ephakathi kweshumi elinesixhenxe (17) neshumi elinesibhozo (18), babencokola naba bafana kwindawo yokuhlala yabucala. Kwangale mini inye, kutyholwa ukuba abarhanelwa bazama ukungena ngenkani endlini yesi sibini ngokukhaba icango. Xa bengena kuthiwa baye baphazamisa umdlalo wesondo phakathi kwala maxhoba ayethandana.
Ngokwengxelo yamangqina, kutyholwa ngokuba uGomomo ozalana nomnye walamakhwenkwe akwishumi elivisayo, wasusa le nkwenkwe waqhubeka nokudlwengula eli bhinqa liselula. Kutyholwa ukuba aba bathathu atyholwa nabo, balandela nabo benza izenzo ezifanayo zobundlobongela obuphathelele nezesondo. Kutyholwa ngokuba naye umrhanelwa wesibini wadlwengulwa ngaba barhanelwa bobane.
Emva kohlaselo, amaxhoba omabini abulawa kwindawo yexhwayelo.
Waqalisa kwangoko umsebenzi wokukhangela kwaye ulwazi olunobuzaza lwafunyanwa ngexesha lophando olwakhokelela ekubanjweni kukaGomomo namanye amadoda asixhenxe ngomhla weshumi elinethoba (19) kweyeSilimela 2025. Ubungqina obungaphaya baveza ukuba lamakhwenkwe asakhulayo azange abenagalelo ekuqhutyweni kolwaphulo-mthetho kwaye ayengabandakanywa njengabarhanelwa. Abathathu kwabane abatyholwa banikeza ngeengxelo ezivuma ityala kumagosa aphandayo.
Abatyholwa baye balilahla ilungelo labo lokwenza isicelo sebheyile. Lo mba umiselwe umhla wamashumi amathathu (30) kweyeKhala 2025 kuzokwenziwa uphando oluthe kratya.
IGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) izolukhokela oluphando luthe kratya ukuqinisekisa ukuba ubungqina buyaqokelelwa ukuze ityala elibambekayo lithiwe thaca phambi kwenkundla ngexesha letyala, ukuze kufumaneke izigwebo ezifanelekileyo ngezi zenzo zobundlobongela obusekelwe kwisini.

