By Asemahle Mbete.
Ngenxa yophuhliso lwakutsha nje kunye namagqabantshintshi kumajelo eendaba malunga nenkqubo yokuqesha ooSihlalo kwiziGunyaziso zoCwangciso-mali zeSETA kunye nokungaqondi malunga nokubandakanyeka kukaAdvocate Terry Motau SC, uMphathiswa weMfundo ePhakamileyo noQeqesho, uGqirha Nobuhle Pamela Nkabane, unxibelelane ngokusesikweni noAdvocate Motau ngembalelwano ngomhla wamashumi amabini anesithathu (23) kwinyanga yeSilimela kulonyaka ka2025.
Injongo yolu thethathethwano ibikukufuna ukuqonda okwabelwanayo ngalo mba nokuvakalisa ukuzisola ngokubhideka okubangelwe ngulomba. UMphathiswa udlulise uxolo lwakhe olunyanisekileyo kuAdvocate Motau ngayo nayiphi na inkxamleko, ukungathethi kakuhle, okanye ukungaqondi okunokuthi kuvele.
Olu nxibelelwano lwenziwe ngomoya wokwenza izinto elubala, ukuhloniphana, kunye nembeko yobungcali. Zange khe kubekho njongo yokuthetha kakubi ngendima kaAdvocate Motau okanye ukwenza umonakalo kubuchwephesha bakhe. Ukungaqondi ngoku kuye kwaba njalo kusonjululwe ngendlela eyakhayo, kwaye kukho ukuqondana phakathi kweqela.
UMphathiswa ukwavumile ukuba akazange aziswe ngokupheleleyo ukuba ukuqukumbela indima kaAdvocate Motau kule nkqubo kufuna uthethathethwano olusesikweni negqwetha. Lo msantsa kunxibelelwano ube negalelo.
UMphathiswa uphinde wazibophelela ngokwazisa ngokusesikweni iKomiti yeMicimbi yeSebe leMfundo ePhakamileyo ngokumalunga nokuqhubekayo kunye namanyathelo athathiweyo ukucacisa ukungabandakanywa kukaAdvocate Motau kwiqela lolawulo. Uhlala enoxanduva kwiPalamente kwaye uzibophelele ekuqinisekiseni ukuba kuselubala okupheleleyo kunye nokuthotyelwa kwenkqubo ukuya phambili.

