Axolile amafama orhwebo ngurhulumente eLady Frere
Umphathiswa wesebe lophuhliso lwasemaphandleni kwakunye nohlaliso lezolimo uNokqubela Pietes , unikezele ngokusesikweni ishedi yokucheba kunye netanki lokudipha exabisa isidigi esinamakhulu amane amawaka kumafama orhwebo kwiUpper Mkapusi Wool Growers Association kumasipala wendawo iEmalahleni oku kuqhubeke ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kulenyanga imiyo.
Amalungu eUpper Mkapusi wool growers association angamashumi amathandathu abandakanya amashumi amabini anesibini abasetyhini kunye nesibini esikhubazekileyo kwakunye namadoda angamashumi amathathu anesine
afumene izitshixo zeshedi ngokusesikweni.
Phambi kweli phulo abalimi beegusha bebecheba iigusha nganye nganye kwaye bathengise uboya babo ngamaxabiso aphantsi kodwa emveni kokungenelela kwelisebe baqala uziqhelanisa neenkqubo zokuvelisa uboya.
Usihlalo walombutho uDumisa Mbobosi uthe amafama axolile ngokuba urhulumente uthe wabancedisa ngeziseko ezingu ndoqo,Oomatshini kunye neenkunzi zegusha ukukhulisa ishishini elaqalwa ngokhokho babo.
Ingxelo: Athule Mangena


