28.4 C
King William's Town
Tuesday, December 3, 2024

Izantyalantyala zemvula, iimeko eziqhaqhazelis’ amazinyo kulempela-veki

Izantyalantyala zemvula, iimeko eziqhaqhazelis’ amazinyo, iilwandle ezilwatyuzayo, ikhephu, kunye nemimoya ebhudla ngamandla kulindeleke ithathise kwiindawo ezithile zephondo le Koloni kule mpelaveki njengoko kuzakubanda kakhulu ngokuhlwa kwanamhlanje.

Othethe egameni leNkonzo yeMozulu yoMzantsi Afrika (SAWS) uGarth Sampson uthi nangona iNtshona Koloni izakufumana ubunzima bezi meko, iindawo ezisembindini nakwimpuma yelizwe nazo zizakufumana ingqele ukuya kwingqele eqhaqhazelisa amazinyo ukusukela ngorhatya langomso ukuya kutsho ngeCawe. Uthi imvula exhaphakileyo ingalindelwa kwiindawo ezisentshona namazantsi oMntla Koloni, kwiindawo ezininzi zeNtshona Koloni, nakwiindawo ezithile zeMpuma Koloni ngoMgqibelo.

USampson uthi izandyondyo zemvula ezikhokelela kwizikhukula zinokwenzeka kwiindawo ezithile zeNqila yeKapa, ​​iCape Winelands, ingakumbi iZithili ze-Overberg neGarden Route, zinwenwele eMpuma Koloni emva kwemini ngoMgqibelo. Uthi ezi meko zinokubangela ukuphazamiseka kwimisebenzi engaselunxwemeni kunye nobunzima bokuhamba elwandle kwiinqanawa ezincinci ukuya kweziphakathi. Iilwandle eziphakamileyo ezinobude obuphakathi kwe-6.0m ukuya kwi-7.0 m nazo zinokulindelwa kunxweme olusemazantsi eNtshona Koloni ukusuka emva kwemini ngoMgqibelo ukuya kutsho ngeCawe, zinwenwela eMpuma Koloni, nto leyo enokukhokelela kukhukuliseko lweelwandle olunokwenzeka kwaye ibeke iinqanawa ezincinci ukuya eziphakathi emngciphekweni ukuthatha amanzi okanye ukugquma.

Kulindeleke amaza arhabaxa anokubakho phakathi kwePlettenberg Bay nePort Edward. Kulindeleke ukuba kube nekhephu kwiintaba ezingaphakathi eNtshona Koloni, kumhlaba ophakamileyo osentshona nosemazantsi woMntla Koloni kunye nomhlaba ophakamileyo weMpuma Koloni ukususela ngoMgqibelo.

Ingxelo:Zimbini Mdolomba

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
28.4 ° C
28.4 °
28.4 °
38 %
4.7kmh
59 %
Tue
27 °
Wed
25 °
Thu
21 °
Fri
28 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks