EKUNYAMEZELENI UKHONA UMVUZO

Ngenxa yobunzima uNosidima Funani ohlala eMortel eQonce wagqiba ekubeni ayokuncedisa umazala wakhe owayethengisa iimbombosi kwisitalato iFleet street eQonce. “ndithe ndisancedisa umamazala kwabakho uMadam owaye kwa PEP owandicela ukuba ndithengise impahla esele zinxityiweyo ndazondlala ndathengisa endibhatala I R50 kuba ndimthengisela lempahla” kutsho lo ka Funani esithi kwathi zisakuphela impahla zokuthengisa waxoza mphini wumbi, kuba umyeni wakhe wayethutha abantu ababesuka eKapa ukuza eQonce wampathela ama-apile waqala elakhe ishishini ngawo ne entyi ekwa nethemba legranti eyayiyi R130 eloxesha.

Ahambile amaxesha wabona ukuba zikhona izinto ezisokolekayo wahlala endlini kodwa emva kokuqaphela ukuba ukusokola kuya kubanochatha ngokuba umyeni wayesele ephelelwe ngumsebenzi. Uthi waqhuba wabuyela estendini wathabatha imai yesibonelelo sikaRhulumente wayokuthenga ngayo yonke (R130) ethenga ilekese zokuthengisa ukuyoma ngonyaka ka 2001 wadlulela ekuthengiseni iziqhamo nalapho waqaphela ukuba ayihambeli ndawo wabuyela ekuthengiseni iilekese kuba engazokwazi ukukwelitisa umntu.

“Apha ekuthengiseni imiceli mngeni ikho ngoba umntu uyakwazi ukufika azihlekisa kanti ufuna ukukwelita, ndithi sendimxelele ba andikwelitisi ndiphele ndimnika angaze abuye, kodwa lonto indifundise ukuba ndingaqumbeli mntu” uqhube esithi ekuthengiseni kufuneka uhlekile noba awufuni, uthi yena uhlala encumele bonke abathengi bakhe ngoba kaloku sisonka sakhe esi, kwaye ngokwenza oku uyazibonakalisa ukuba lento uyenzayo uyayiphila.

Uthe ke ngelinye ixesha wenzela nabanye abathengisi umzekelo ngendlela aqhuba ngayo nathetha ngayo nabathengi bakhe, uqhube ngelithi into ayithandayo ngelishishini uyafunda kubathengi bakhe umhla nezolo, ukucoceka, ukuthetha kakuhle, ukubanendlela yokuphatha abathengi kwakunye nokubacebisa esenza umzekelo ngetyiwa yokuvasa erhorofu ayithengisayo ukuba uye acacise umsebenzi wayo kubathengi bakhe engadikwanga ngokuba ufuna mntu ngamnye athenge exolile. “mholo customer yam, ndikuhoyile custy yam” la ngamazwi ka Funani xa esamkela umthengi wakhe etafileni athengisela kuyo.

Ubalule elokuba ngethuba kabhubhane wecovid wachaneka kanobom ngoba kaloku ungumntu ophila neswekile kwanyanzeleka ukuba ahlale endlini azikhusele kangangoko, ukwathe nemo yezulu ibanegalelo kwinkqubo zelishishini ngokuba xa isina kakhulu nabathengi bayanqaba naye kufuneka abenendlela zokuzikhusela njengokuba anxibe iplatic ukuze angabimanzi tixi. Ugqibele ngelithi ke ngelishishini ukwazile ukufundisa abantwana bakhe abane sithetha nje intombi yakhe eligqibelo yenza unyaka wesithathu kwanokholeji eFort Hare, ekwacebisa abathi xa ishishini lingalungi ngamanye amaxesha ukuba banyamezele ngokuba ekunyamezeleni ukhona umvuzo.

Ingxelo: Siya Sitofile

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA