Ulishiye eJapan ibhanti lakhe lentshinga yehlabathi uNontshinga emva kokubethwa nguYakubi kwididi lweFlyWeight.

By Siphiwo Boqwana

Obesakuba yiNjinga yeHlabathi kwiFlyWeight phantsi kombutho i-International Boxing Federation uSivenathi Nontshinga ulishiye eJapan ibhanti lakhe emva kokubethwa nguMasamichi Yakubi ngethuba besilwela eTokoname eJapan. Le mbethi manqindi yoMzantsi Afrika enamashumi amabini anesihlanu (25) ubudala nengakhange ibe kulo mdlalo konke konke, ilaliswe ngophothe kumjikelo wethoba kwabe kuphelile ngayo.

UNontshinga uye wangqengqiswa kwakumjikelo wesibhozo nguYakubi kodwa wazama ukubuyisa izitya kumjikelo olandelayo, izinto azamlungela wawiswa kabini esazama ukuzibuyisela emlweni. Usompempe uMark Carlo-oy uthe kwanele ngoku emva kokulala kwakhe phantsi okwesithathu uNontshinga, wamnqandela engambalelanga esithi kwanele ngoku wohlwaywe ngokwaneleyo.

Omnye wabagwebi kulo mlo ibe ngowayesakuba yinjinga yehlabathi walapha eMzantsi nosele ezinze kwelaseAustralia xa kungoku, uPhillip Holiday, nowayeyinjinga kombutho wamanqindi iIBF.

UNontshinga ube yimbethi manqindi yokuqala eMzantsi Afrika ukukhawuleza ukuba yinjinga yehlabathi emva kokuphumelela intshinga kumlo wakhe weshumi elinanye nje kuphela, edlala kudidi labahlawulwayo.

USivenathi uphulukene nayo intshinga yakhe ezama ukuyikhusela ityeli lesibini, suke yathathwa ngethuba ebethwa yimbethi manqindi yaseMexico uAdrian Curiel Domingoez kumjikelo wesibini, elaliswa ngophothe kunyaka ophelileyo, eCasino Monte-Carlo.

Uye wabuyisa izitya UNontshinga ngethuba eyixutha intshinga yakhe kuCuriel eMexico kulonyaka ngenyanga yoMdumba embeka phantsi kumjikelo weshumi, yilentshinga iye yaxuthwa eJapan izolo eTokoname.

UYakubi oneminyaka engamashumi amathathu anesibini (32) ubudala ebengafanelanga ukuba umnike ingxaki uSivenathi ntonje uyimbethi manqindi eyothusayo kuba sevela kothusa abaninzi ngethuba ebetha oyinjinga yehlabathi kumbutho iWorld Boxing Council ebetha umkhaya wakhe uKenshiro Teraji phambi kokuba ayixuthe kwakhona Teraji ngethuba embetha kumjikelo wesithathu, emlalisa phantsi ebuyisa izitya uTeraji kunyaka ka2022.

Colin Nathan ongumqeqeshi nokwangumphathi kaNontshinga untingele eTokyo izolo ngeCawa umhla weshumi elinesithathu kule nyanga yeDwarha apho eyokulwisa enye imbethi manqindi yakhe uPhumelele Cafu ocela umngeni kwintshinga yeWBO kudidi lentambanani encinci kuKosei Tanaka onemilo engamashumi amabini, nobethwe kwakanye kuphela.

UCafu yena akakabethwa uphumelele imilo elishumi walwa ngokulingana izihlandlo ezintathu .

Lo mlo kaKosei Tanaka noPhumelele Cafu unamhlanje umhla weshumi elinesine (14) kule yeDwarha inyanga eTokyo kwelaseJapan. Kungoku nje uNathan imanejala yezimbethi manqindi zoMzantsi Afrika ulwise eJapan iimbethi manqindi kasixhenxe waphumelela amatyeli amane wabethelwa iimbethi manqindi ezintathu.

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA