Njengoko ixesha leziyunguma lifikile, liphethe abakwantsasana bemaxhaphetshu bekhawulelana nobukrelemnqa, uMkomishinala weSithili sase-OR Tambo, uMajor General Norman Modishana uwaqhwabele izandla amalungu akhe ngokubambelela ekulweni ulwaphulo-mthetho, befuthanisela izaphuli-mthetho njengoko amalungu akhe efumene imipu elishumi elinesihlanu (15) engenampepha-mvume/engavumelekanga kunye neempahla ekurhaneleka ukuba zibiwe kwiindawo ezahlukeneyo zesithili i-O.R Tambo.
Phakathi kwemipu efunyenweyo kukho i-‘AK 47 Automatic Rifle’ kunye nemipu emithathu enguzenzele kwaye yonke ineembumbulu. Lo msebenzi wothusayo usoloko evelisa iziphumo ezincumisayo kwizigebenga ezingacingelanga nto, ezibanjwe ziphupha emini. Kwabo bathe babanjwa ngabarhanelwa abahlanu (05) kuQumbu, bonke bafunyenwe benemipu engenampepha-mvume eneenombolo ezicinyiweyo, bamiswa ngobuchule endleleni kwagqogqwa zizthuthi zabo edolophini. Imoto ebibiwe iVW Polo enenombolo yeKirstenhof Cas kwiPhondo leNtshona Kapa ifunyenwe eNgqeleni, kwingingqi yaseHluleka-eNtlaza A/A.
Ukusuka eLusikisiki ukuhla ukuya eCoffee Bay ukuvalwa kwendlela ebekubanjwe ngempelaveki, kumise kwagqogqwa izithuthi ezimalunga ne-1255, abantu abayi-2723 abafunyenwe nezixhobo eziyingozi babanjwa. Abo babanjwe benxilile kwaye beqhuba eGqeberha naseMthatha bebelishumi elinesibhozo bethathwe iisampulu zegazi, belindele iziphumo zokuqinisekisa ukuba bayagwetywa.
Zimalunga ne-183 iigusha ezifunyenweyo ekurhaneleka ukuba zibiwe zabuyiselwa kubanini bazo lo gama ezinye zathinjwa zasiwa kumaziko kamasipala ovimba kuQumbu nakuTsolo.
“Sinomsebenzi omkhulu esizibekele wona wokufunxa izaphuli-mthetho ekulweni ulwaphulo-mthetho ngelixesha leeholide zenyanga yoMnga ukuze abantu bakhuseleke kwaye bazive bekhuselekile,” uvale ngelo uMajor General Norman Modishana, uMkomishinala weSithili sase-OR Tambo.