15.6 C
King William's Town
Friday, December 1, 2023

Babekwe kwikhaya labo lokugqibela izolo abantwana baseSenary Park

Ibizizijwili, unxunguphalo emiphefumlweni yabazali nditsho nabahlali abebezimase inkonzo yokugqibela yamaxhoba aselula abhubhe kwindawo yentselo yasenyobeni kwiveki ephelileyo.

Izolo eSenary Park bekubanjwe inkonzo yokugqibela yabantwana, nebizinyaswe nguMongameli weli uCyril Ramaposa ekhatshwa sisigqeba sakhe esiquka iNkulumbuso uOscar Lubabalo Mabuyane, uBheki Cele kunye noZizi Kodwa ukubalula.

Ngethuba umongameli esenza intetho yakhe kulenkonzo ugxeke kabukhali ukuthengiswa kotywala, buthengiselwa abantwana abaselula, ekwathi lowo ufunyenwe esenza oko malivalwe ishishini lakhe. Uthi noRhulumente, abazali nasekuhlaleni likhona ityala ngenxa yalenyhikityha.

Ngabantwana abangamashumi amabini ananye(21) ababhubhe kwindawo yentselo eseSenary Park. Isizathu sokubhubha kwabo sisephantsi kophando, nanjengoko inkonzo yesipolisa ingekayikhuphi ingxelo epheleleyo.

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
15.6 ° C
15.6 °
15.6 °
72 %
4.9kmh
88 %
Fri
40 °
Sat
24 °
Sun
26 °
Mon
23 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks