Liphelele emoyeni njengezithuku-thuku zenja uqhankqalazo ebelucetyiwe kwaLewis eNgqushwa

Bavuke ngenjixukuxa ngoLwesithathu umhla wamashumi amabini (22) kuCanzibe abanini nabaqhubi bezithuthi zikawonke wonke eNgqushwa kwilali zaseMazizini, eNtloko, naseMphekweni kwilinge lokuphepha uqhankqalazo obolucetywe ukuqhubeka kuhola wendlela u-N2 kufutshane negaraji yakwaLewis.

Oku bekulandela ifuthe layizolo lokuvalwa mba uhola wendlela uN2 ngakummandla wakwaLewis ngeliqhankqalazela indlela emaxongo esuka kwaLewis uyokutsho ngeFish River.
Abahlali bala mimandla bathi oko bakhalazela le ndlela namanzi bengathathelwa ngqalelo ngabasemagunyeni.

Ngaphambili uSodolophu womasipala waseNgqushwa uSiyabulela Maneli wadiza ukuba le ndlela ayikho phantsi koMasipala ngoko ke ayiloxanduva lukaMasipala ukuyilungisa.

Nangona kunjalo ngentsimbi yesixhenxe bekumnyama kwisikhululo sokwetha amafutha ezithuthi zikawonke-wonke ezinye zisendleleni ziyalela abanye abaqhubi ukuba namhlanje kunamhlanje.
Kodwa okukhwankqisayo kukuba ngentsimbi yesibhozo bekuthe bhee zingabonakali nangetshengele izithuthi ebeziceba uqhankqalazo nabanikazi bazo. Kungakhange kuvakale nelizwi eliya ebahlalini ebebekhwetyiwe ngezolo ukuba babeyinxalenye yoluqhankqalazo.

Omavuka yibambe kwakubaqhubi nakubanikazi bezi zithuthi zikawonke wonke, namagama wabo azimpundu zomkhwekazi, balumise ngelithi, isikhokelo somasipala waseNgqushwa uqhwethele abanikazi bezi zithuthi zikawonke wonke kwigumbi eliphezulu, ngelithi makuyothethwa, ntetho ezo zingangqinwanga nokuba zezesikhaya okanye ukukhusela isihomo sezo okanye abo banemilomo emide kusini na.

Nangona abahlali bebanga ngelithi sekuyiminyaka bekhalela le ndlela, kodwa urhulumento lweli phondo, alunqabanga kula mimandla inale ndlela ikwimeko ephefumlisa ngemibhobho. Abahlali bathi urhulumento luyawazi lo mceli mngeni wale ndlela kwaye luyayicwezela luthathe ndlela zimbi xa lusiya kweza lali.
Abahlali bakwabanga ngelithi ayondlela yodwa abayikhalelayo koko sekuyiminyaka bengenamanzi. Bathi akuphileki ngaphandle kwamanzi kodwa bona bayaphila ngaphandle kwamanzi, nalilungelo lomntu wonke, besithi eli lungelo liyanyhashwa.

Bakwathi uMasipala weSithili iAmathole wakhupha igqiza elivisayo ukuzojonga iziseko ezibangela kungabikho manzi kweza lali.Bathi emva koko, kwathi cwaka zole, tuu kunanamhlanje.
Konke oku kuza ngexesha kusele nje iintsuku ezingephi kusingathwe ulonyulo lukazwelonke nolwamaphondo ngomhla wamashumi amabini anethoba kule nyanga kaCanzibe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA