14.2 C
King William's Town
Friday, December 6, 2024

Babuyele enkundleni abanikazi bethaveni eNyobeni

Baphinde babuyela kwinkundla yengingqi yaseMonti eMpuma Koloni ngoLwesibini abanini bethaveni iEnyobeni ekubhubhele kuyo abantu abangamashumi amabini ananye kweyeSilimela kunyaka ophelileyo.

USiyakhangela Ndevu kunye nenkosikazi yakhe uVuyokazi Ndevu batyholwa ngokuvumela abantwana abasebancinci ukuba bangene kule taveni kwanokubathengisela utywala.

Esi sibini sabanjwa kulandela ukubhubha kwabantwana abangaphantsi kweminyaka kwithaveni yaseScenery Park.

Urhulumente wabiza amangqina alithoba phambi kokuvalwa kwetyala labo waze waveza umfanekiso wevidiyo wosuku olunzima njengenxalenye yobungqina bawo. Kuloo mboniso, uSiyakhangela ibonakala ethengisela utywala kwaye abantwana abangamaxhoba.

Ngeli xesha, i-Ofisi yoMtshutshisi woluNtu kaZwelonke ivakalise ukuzithemba ukuba abanini balendawo yokucima ukoma baza kugwetywa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
14.2 ° C
14.2 °
14.2 °
89 %
1.4kmh
100 %
Fri
28 °
Sat
21 °
Sun
29 °
Mon
27 °
Tue
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks