Indoda yase Bhayi iqweqwediswe ngompu – abenzi bobubi ababanjwe eSummerstrand

Owasetyhini kunye namadoda amabini baselugcinweni lwamapolisa emva kwezityholo zokuqweqwedisa indoda beyikhombe ngompu eGqeberha ngoMvulo.

Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthi esi sehlo senzeke eSettlers Park eCentral, phambi kwentsimbi yesibhozo kusasa.

Uthi umqhubi oneminyaka engamashumi amabini anesibini weHyundai Atos ugqiba kumisa eHow Avenue xa abarhanelwa abane beza kuye.

UColonel Naidu uthi bafune izitshixo zakhe ngompu phambi kokuba bangene emotweni yakhe baqhube.

Uthi emva kwesiqingatha seyure, amalungu espolisa eHumewood abona isithuthi kuMarine Drive eSummerstrand kwaza kwalandela ukuleqana.

UColonel Naidu uthi abarhanelwa batsibe bephuma emotweni babalekela ematyholweni.

Uthi amalungu esipolisa aseMount Road kunye neWalmer ancedisile kwaye abamba abarhanelwa abathathu abazakuvela enkundleni kungekudala.

Abarhanelwa Baphakathi kweminyaka engama-30 nama-40 ubudala.

Omnye umrhanelwa, ekutyholwa ukuba unompu usabaleka.

Bekumaxhaphetshu eGqeberha nanjengoko emva kweyure nje ezimbalwa kubanjwe abanye abarhanelwa abahlanu ngokuqweqwedisa ilori ebigcwele izixhobo zombane.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
24.7 ° C
24.7 °
24.7 °
71 %
2.8kmh
76 %
Sat
24 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA