18.5 C
King William's Town
Monday, February 17, 2025

Badutyulwe babulawa ngokungelusini abantu abathandathu(6) eGqeberha

Ibambela lomkomishinala wamaPolisa eGqeberha uGeneral Thandiswa Kupiso, uyalele ukuba kusetyenzwe iiyure ezingamashumi asixhenxe anesibini(72hour) kulandela isiganeko sokubulawa kwabantu abathandathu(6) kwilokishi yaseNew Brighton eGqeberha ngentsasa yayizolo.

Kutyholwa ukuba abamelwane bave izithonga zemikhono yekati isitsho ekuzeni kusa phakathi kwentsimbi yokuqala(1am) ukuya kweyesibini(2am) ze beyokujonga kwindlu yommelwane wabo ekwisitalato iRamba ukuba kwenzeka ntoni.  Baye bafumanisa ukuba icango livuliwe. Emva kophando olunzulu olwenziweyo ngenxalenye namapolisa kufunyenwe imizimba yabantu abane, owaseTyhini kunye namadoda amathathu, enye yafunyanwa idunduluze kwigumbi lokulala, owokugqibela ufunyenwe kwindawo yokuphekela. Kuyo yonke lentlekele bekukho umntwana oneminyaka emithathu(3) ofunyenwe esecaleni konina obebhubhile kwesisiganeko kodwa yena ngethamsanqa akachaphazelekanga. Bonke abantu ababhubhileyo baphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesihlanu ukuya kumashumi amathathu anesihlanu ubudala.

Kutyholwa ngelithi uMninimzi ebengumkhandi wezithuthi kwaye kutyholwa ukuba lomzi ibuyindawo yeziyobisi nalapho amanye amaxhoba aye ahlatywa kwaye emva koko kuye kwenziwa ugqogqo, okwangoku akukaziwa ukuba kuthathwe ntoni.
Kwaye abarhanelwa basagcwele amathafa kwaye ityala lokubulala livuliwe nangona ungekaziwa unobangela ongqonge esi sehlo.

AmaPolisa abongoza nabanina onganolwazi ekuncediseni oluphando atsalele uDetective Kheneli Willie Mayi ku 082 697 5914 okanye kuCrime Stop ku 08600 10111.

Ingxelo: Zintle Madikane

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
18.5 ° C
18.5 °
18.5 °
96 %
1.4kmh
100 %
Mon
32 °
Tue
31 °
Wed
20 °
Thu
26 °
Fri
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks