Yhuuuu, waze wasiphoxa uSASSA!

Yhuuuu, waze wasiphoxa uSASSA!

Lawo ngamazwi abadlezana nabebeye kwizikhululo ezibhatala imali yesibonelelo semali kaRhulumente, nabajike phambi koo(Machine) kuba imali ingaphumi.

Kwintsuku ezimbalwa ezidlulileyo, ibilixesha likaxakeka, ixesha labaxhamli bemalinyenkam-nkam eya ebantwaneni. Oonina okanye abadlezane abafumana isibonelelo sabantwana khange balibone kakuhle kulenyanga xa kanye bephoxeka ukufumana imali yabantwana babo kulenyanga.

Abanye baphinde babuyela ezidolophini beyokuzama kwakho ukufumana lemali. Ngethuba iimpukane eziluhlaza zisihlebela, phofu bedanee! bengenabhongo nguRhulumente woMzantsi Afrika obaphixoleyo.

Bathi bebefole imini yonke njengesiqhelo kwaye befaka amakhadi belindele ukuba imali iphume kodwa dololo. Ingxelo evela kwiArhente yakwaSASSA ichaza ukuba leArente ijongene nengxaki yobuxhaka-xhaka balemihla kwaye yenza konke okusemandleni ukuyilungisa. Bakwathe okwangoku abantu mabaye kwiiVenkile zikaWonke-wonke ezifana noBoxer, U-save, Post Bank ukubalula.. kulapho bazakuyifumana khona imali.

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
33.3 ° C
33.3 °
33.3 °
37 %
3.8kmh
21 %
Fri
32 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA