15.2 C
King William's Town
Thursday, November 30, 2023

Yhuuuu, waze wasiphoxa uSASSA!

Yhuuuu, waze wasiphoxa uSASSA!

Lawo ngamazwi abadlezana nabebeye kwizikhululo ezibhatala imali yesibonelelo semali kaRhulumente, nabajike phambi koo(Machine) kuba imali ingaphumi.

Kwintsuku ezimbalwa ezidlulileyo, ibilixesha likaxakeka, ixesha labaxhamli bemalinyenkam-nkam eya ebantwaneni. Oonina okanye abadlezane abafumana isibonelelo sabantwana khange balibone kakuhle kulenyanga xa kanye bephoxeka ukufumana imali yabantwana babo kulenyanga.

Abanye baphinde babuyela ezidolophini beyokuzama kwakho ukufumana lemali. Ngethuba iimpukane eziluhlaza zisihlebela, phofu bedanee! bengenabhongo nguRhulumente woMzantsi Afrika obaphixoleyo.

Bathi bebefole imini yonke njengesiqhelo kwaye befaka amakhadi belindele ukuba imali iphume kodwa dololo. Ingxelo evela kwiArhente yakwaSASSA ichaza ukuba leArente ijongene nengxaki yobuxhaka-xhaka balemihla kwaye yenza konke okusemandleni ukuyilungisa. Bakwathe okwangoku abantu mabaye kwiiVenkile zikaWonke-wonke ezifana noBoxer, U-save, Post Bank ukubalula.. kulapho bazakuyifumana khona imali.

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
29 %
2.4kmh
15 %
Thu
31 °
Fri
42 °
Sat
29 °
Sun
30 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks