Kubarhanelwa asixhenxe umntu emnye ujongene nezigwebo zobomi ezimbini emnye kubo ngokudibanisa imali yokuthenga ipetroli kunye nokutshisa babulale abasetyhini ababini ababekholelwa ukuba bayathakatha.
Phakathi kwabarhanelwa kuquka abazalwa kunye uLwandiso Mzaza, oneminyaka engamashumi amabini anethoba (29) ubudala, noLufefe Mzaza, oneminyaka engamashumi amabni anesibhozo (28) ubudala, uYamkela Nonjojo, oneminyaka emangamashumi amathathu ananye (31) ubudala, uOdwa Nonjojo, oneminyaka engamashumi amathathu anesine (34) ubudala, uAnelisiwe Nonjojo, oneminyaka engamashumi amathathu anesibini (32), uZithini Rhayisa, oneminyaka engamashumi amathathu anesine (34), noMkhonzeni Ngcabangcosi, oneminyaka engamashumi amabini anesine (24) ubudala, bagwetywe yinkundla ephakamileyo yaseMthatha. eMpuma Koloni ngoLwesihlanu ngoLwesihlanu umhla weshumi elinesibini kweyeKhala.
Bagwetywe kumatyala amabini okubulala nokutshisa abasetyhini ababini babulala.
Ngokwengxelo yesithethi segunya-bantu lotshutshiso ephondweni, kwinyanga yoMnga ngonyaka ka-2018, eli qela labamba iintlanganiso ezimbini ezazichotshelwe nguLwandiso ngenjongo yokuthatha isigqibo ngendlela yokutshisa nokubabulala aba babini ababekholelwa ukuba bayathakatha. Iingxelo zidiza ukuba, badibanisa imali bathenga ipetroli emva kokuba besenza iyelenqe lokutshisa aba batyholwa ngokuba ngamagqwirha, iintsapho zabo nemizi yabo.
UTyali uthi ngobunye ubusuku, uNothethisa Ntshamba owayengarhaneli nto imbi ingenzeka, wayesekhaya nomyeni wakhe, abantwana abathathu kunye nodade wabo uNtombekhaya Ndlanya, bengazi ukuba kukho iyelenqe lokumbulala. Uthi
Uthe xa uNtshamba ephuma endlwini esiya kugoduka nodade wabo, bafikelwa ligqiza labahlasela, labagibisela ngamatye laza labagalela ngepetroli ngaphambi kokuba babatshise.
Baye batshisa umzi kaNtshamba waba luthuthu, utshilo uTyali.
Aba babanjiwe kwaye baliphika ityala, besithi akunakuqinisekiswa ukuba bangoobani nanjengoko esi sehlo senzeke ebusuku. Kodwa omnye wabatyholwa uRhayisa uye wazityand’ igila emapoliseni kodwa wazama ukurhoxisa isivumo sakhe ngethuba kuthethwa ityala.
“Oku kwafuna ukuba kuchotshelwe ityala. Inkundla yafumanisa ukuba isivumo sivunyiwe. Urhulumente uphinde wakhokela ubungqina bababone ngamehlo, abanye ngabantwana bomfi,” utshilo uTyali.
Ummeli wombuso ophezulu uMbulelo Nyendwa uveze ukuba ubundlobongela obujoliswe kwabasetyhini abatyholwa ngokuthakatha buxhaphakile, hayi eMpuma Koloni kuphela kodwa nakwezinye iindawo zelizwe.
UJaji uNozuko Mjali uthe alikho ilizwe elizihloniphayo elinokuvumelana nezenzo zomtyholwa kwaye bafanelwe sisohlwayo esiqatha ukukhusela uluntu kwabo bangawuhloniphiyo umthetho.
Eli qela ligwetywe izigwebo ezibini zokubulala kunye neminyaka elishumi ngokutshisa. Izigwebo ziya kuqhutywa ngaxeshanye.

