IDA ithi izakuqhuba ilwela amalungelo abafundi kwiMfundo esisiSeko esemgangathweni kweli phondo kwaye iqinisekise ukuba akukho mntwana ushiyekayo.
Onokuba nguMphathiswa weMfundo esisiSeko weDA kweli, uHoratio Hendriks uthi ukukhawuleziswa kwenkqubo yolungelelwaniso lweZikolo yeSebe lezeMfundo eMpuma Koloni kulindeleke ukuba kongeze enye ingxaki kwingxaki yothutho lwabafundi. Ngenyanga kaTshazimpuzi uHendricks ubalule ukuba iSebe lavala izikolo ezingamashumi asibhozo anesithandathu (86) kwiphondo liphela, ladibanisa izikolo ezilikhulu elineshumi elinesine (114), laza ladibanisa izikolo ezingamakhulu amathathu anesithathu (303).
Kwingxelo ekhutshwe kwikhasi lonxibelelwano uFacebook le DA, uHendricks uthe xa zizonke izikolo zithatha ngaphezu kwesiqingatha samakhulu alithoba namashumi asixhenxe anesibhozo (978) ubuncinane, ezichongiweyo ukuze zilungelelaniswe kule minyaka mihlanu izayo.
“Abalawuli beZithili bayalelwe ukuba baqinisekise ukuba kwenziwa izicwangciso zokufuduka kwabafundi nootitshala, izixhobo ukuba zisasazwa ngokutsha, nee-akhawunti zebhanki zezikolo ziyavalwa. Kwakhona bayalelwe ukuba barhoxise izivumelwano zokuqeshisa kunye neenkonzo zikamasipala apho kufanelekileyo.”
Uqhube wathi uHendricks.
“Okungakhankanywanga, nangona kunjalo, lifuthe eliya kuba nalo oku kuvalwa kweNkqubo yezoThutho kwiSebe lezoThutho, esele ingakwazi ukumelana nemfuno ekhoyo ngoku yabafundi abafuna ukuthuthwa ukuya esikolweni,” utshilo.
Ngaphambili, iNkqubo yezoThutho lwabaFundi iye yanokuphazamiseka ngenxa yenkxaso-mali engonelanga kunye nokongezeleka okubangele ukungahlawulwa kwababoneleli-nkonzo. Ebutsheni balo nyaka, iNkulumbuso uOscar Mabuyane yavuma ukuba bangaphaya kwamashumi amane amawaka (40 000) abafundi abafanele ukuthuthwa, abangabandakanywanga kule nkqubo.
UMphathiswa wezeMfundo, uFundile Gade uvakalise ukuba iSebe linenjongo yokuguqula ezinye zezikolo ezilungelelanisiweyo zibe ziihostele, nto leyo eya kuthi ithobe umthwalo wezothutho, kodwa elo phulo liya kuthatha ixesha, kwaye ushicilelo leSebe leMfundo ngokumalunga nokuqaliswa kweziseko zophuhliso (infrastructure) ukuqukunjelwa kwamanyathelo anjalo ngokuthandabuza okukhulu.
I-DA ithi iza kubhalela uSihlalo omtsha weKomiti yePotfoliyo yezeMfundo, uMonde Sondaba, icela ukuba kubizwe indibano yePotfoliyo yezoThutho neMfundo nokuba kubizwe ingxelo epheleleyo kwikomiti malunga nokuhlenga-hlengiswa kwezikolo kunye nefuthe elithe labakho.
“Siya kucela kwakhona ukuba ingxelo inike iinkcukacha zokuba bangaphi na abafundi nootitshala abachatshazelweyo, ngawaphi amanyathelo athatyathiweyo okubalungiselela kwezinye iindawo, nokuba ngaba sele ziqalisiwe na iziseko zophuhliso ezongezelelweyo kwizikolo ezisamkelayo,” itsho ingxelo yeDA.
Kusenjalo onoba nguMphathiswa wezoThutho xa kunokulawula iDA, uKabelo Mogatosi, uthi uzakuthi thaca isindululo esinezindululo ezakhayo zokusombulula ingxaki yothutho lwabafundi kwindibano elandelayo yeNdlu yoWiso-mthetho yePhondo.
Ingxelo kaHendricks wombutho weDA ithi uMphathiswa uGade kunye nogxa wakhe wezoThutho, uMphathiswa uXolile Nqatha, mabaqinisekise ukuba bonke abafundi abachatshazelwa yinkqubo yohlengahlengiso bayabonelelwa ngenkxaso eyimfuneko ukuze baye kwizikolo zabo ezitsha.
Esithi umphathiswa uGade makaqinisekise kwakhona ukuba, apho abafundi bahlala khona kwiihostele, iimeko zokwamkela iihostele ziyahlangabezana neyona migangatho isezantsi yeziseko zophuhliso nabasebenzi basehostele.
IDA ivale ngelokuba izakuqhuba ilwela amalungelo abafundi kwimfundo esisiseko esemgangathweni kweli phondo kwaye iqinisekise ukuba akukho mntwana ushiyekayo.