18.2 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

Afumene izibonelelo zokutya amaxhoba ezikhukhula zaseNelson Mandela Bay.

Umphathiswa weSebe lezoPhuhliso loLuntu ephondweni wamkele iwaka leepasile egameni lamaxhoba ezikhukhula zase Nelson Mandela Bay.

UMphathiswa weSebe lezoPhuhliso loLuntu eMpuma Koloni uBukiwe Fanta ufumene iwaka leepasile zokutya nezococeko egameni lamaxhoba ezikhukula athe athwaxwa zizaqhwithi eNelson Mandela Bay ngenyanga yeSilimela kulo umiyo, ngelixa abaphuma kwibandla i Latter-day Saints banikezele ngeziphiwo kwiziko lomkhosi wezokhuselo loMzantsi Afrika eGqeberha. Oku kwenzeke ngoLwesihlanu umhla weshumi elinesibimi (12) kweyeKhala 2024.

UFanta, ndawonye noSodolophu waseNelson Mandela Bay uGary van Niekerk kunye nooceba beewadi bavakalise umbulelo wabo kwiNkonzo yeLatter Day-Saints ngegalelo labo ekubuyiseleni imeko yempilo yababantu.

Ethetha nabeendaba zeAlgoa FM, uFanta uthe balisebe elinebhongo elinoonontlalontle abazinikeleyo emsebenzini abasele bedibanise uluhlu lwabaxhamli kuzo zonke iindawo ezichaphazelekayo ukuze kungabikho urhwaphilizo.

Uthe ooceba beewadi kwiindawo ezichaphazelekayo baya kufumana izithintelo, abaza kuzisasaza kwiindawo zabo zokuhlala.

Kusenjalo, ngoLwesine umhla weshumi elinanye (11) kulenyanga, uVan Niekerk uthe mninzi umsebenzi osele wenziwe ukuqinisekisa ukuba amaxhoba abuyela esiqhelweni ngokukhawuleza.

Uthe umsebenzi kwiindlela ezichaphazelekileyo, ngakumbi eKariega, sele uqalisile.

Ngokutsho kukasodolophu, kumakhulu eentsapho ezathi zagxothwa, ezinye zazo zahlaliswa okwethutyana ezicaweni, kwiindawo zokuhlala zabafundi nakwiiB&B.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
47 %
4.1kmh
7 %
Wed
21 °
Thu
13 °
Fri
13 °
Sat
18 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks