Bagcwele amathafa neetyesi ezimbini zemali oonqevu baseGqeberha

Amapolisa aseGqeberha akhangela igquba lamadoda axhobileyo aphange oonogada ebebemise kwelinye lamasango odederhu lweevenkile eRing Road eGreenacres ngoLwesithathu umhla wesithathu (-3) kuTshazimpuzi (April) kulo umiyo.

Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthi oonogada bebekhupha imali emva kwentsimbi yeshumi kusasa nalapho omnye unogada ebengena kulo dederhu lweevenkile, wafikelwa ngumhlambi wamadoda abalelwa kwisine (-4) ukuya kwisithandathu (-6) axhob’ef’amacala athatha iibhokisi ezimbini zemali abelek’abasicatyana.

Uthi xa omnye wonogada eleqa isithuthi, uhlobo lweveni iNissan NP 200, wadutyulwa izihlandlo ezininzi. UColonel Naidu uthi umqhubi ukwazile ukunqanda imoto yakhe kwimoto ebalekayo, kodwa bakwazi ukubaleka. Kutyholwa ukuba abarhanelwa bayishiya iveni yabo kwisitalato iKipling xa abarhanelwa batyholwa ngokuthi baqweqwedisa enye imoto babaleka ngayo.

Oluphango lokuxhomisa imoto ethutha imali luphantsi kophando lebutho looKhetshe. Akukho mntu wonzakeleyo ngeli xesha, nangona ulwaphulo-mthetho lwenzeke e-Ring Road, ngaphandle kodederhu lweevenkile, lendawo iqinisekise abaxhasi nabathengi ukuba ukhuseleko lwabo luhlala luyinto ephambili.

UMphathi wezeNtengiso uZane Lagerdien uthe basebenzisane ngokupheleleyo nabezomthetho kwaye badlulisa umbulelo wabo kwinkonzi yesipolisa, kwiqela labo lezokhuseleko kunye nempendulo exhobileyo ngoncedo lwabo olukhawulezileyo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
20.1 ° C
20.1 °
20.1 °
92 %
1.9kmh
99 %
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA