USomlomo weNdlu yoWiso-mthetho kaZwelonke, uNosiviwe Mapisa-Nqakula, urhoxile kwisikhundla sakhe.
Kwileta ayibhalele iPalamente ngoLwesithathu umhla wesithathu (-3) kuTshazimpuzi (April) 2024, uthe uyarhoxa kwisikhundla sakhe njengoSomlomo nanjengelungu lepalamente. UMapisa-Nqakula uthe uzakunikela ngexesha lakhe kwaye agxile ekujonganeni nezityholo zolwaphulo-mthetho ajamelene nazo. Ukwathe ukuhamba kwakhe ibingekokuvuma ukuba unetyala. Owayesakuba nguSomlomo u Mapisa-Nqakula uthe uthathe isigqibo sokurhoxa ukuze aphakamise isidima nobungcwele bePalamente.
Nangona kunjalo ukurhoxa kwakhe kuza kanye emva kokuba iNkundla ePhakamileyo isichithe neendleko isicelo sakhe esingxamisekileyo sokuthintela ukunqakula avalelwe ngapha kwezitshixo kumatyala olwaphulo-mthetho ajamelene nawo liCandelo loPhando leNPA.
Kusenjalo I-DA ikwamkele ukurhoxa kobesakuba nguSomlomo kwisikhundla sakhe. “Kudala simemelela ukuba arhoxe xa ebekwa izityholo zobuqhophololo kunye nokuxhaphaza imali,” utshilo uSiviwe Gwarube. “Besikholelwa, kwaye sisakholelwa ukuba nabani na obambe esi sikhundla siphezulu makangabi nazimbo kwaye kwacaca kuthi ukuba uNkosazana Mapisa-Nqakula akafanelekanga,” wongeze watsho.
UGwarube uphawule ukuba isindululo sokungamthembi awasibeka kwiveki ephelileyo kunye nezikhalazo kwikomiti yokuziphatha azisayi kuqhubeka. Ukwathe iDA isaqhuba nesikhalazo ngakuye malunga nokunyuswa kwemivuzo eyawongwa uXolile George, unobhala wePalamente, ngaphandle kokwazisa amaqela.
Ukanti I-ANC ikwangqinile ukuba iyifumene imbalelwano yokurhoxa kukaMapisa-Nqakula. Lo mbutho uthi ekurhoxeni kwakhe, ubalule iinjongo zakhe zokukhusela isidima seANC awukhonze iminyaka engaphaya kwamashumi amathathu. “Sikuxabisile ukuzibophelela kwakhe ekugcineni imbonakalo yombutho wethu, njengoko ibonakalisa iinkqubo zethu zokuvuselela umbutho okhuthaza ukuthabatha uxanduva kumalungu, endaweni yokulinda imiyalelo ukuba imbeke ecaleni,” utshilo usosiba-jikelele, uFikile Mbalula.