19.7 C
King William's Town
Thursday, December 5, 2024

Bagwetywe ngubani ooNqevu xa kuzakubulawa uMantyi?

AMAPOLISA APHUME UPHULO LOKUPHANDA NGEMVA KOKUBULAWA KOMABTYI EBHIZANA*

Isiganeko sokubulawa ngokungenalusini kukaMantyi waseMt Aylif ngobusuku bomhla weshumi elinesibini kweyeNkanga 2022 eMbizana, sibangele ukuba iBambela likaMkomishinala wePhondo uMajor General Thandiswa Kupiso amisele igqiza labaphandi ngoko nangoko ukuze balandele umkhondo nokulandelela abenzi bobubi. ngelixa eyalela ukuba kusebenze isicwangciso seyure ezingama-72 sokubanjwa ngokukhawuleza abarhanelwa ababandakanyeka kwisehlo sokubulala.

Uphando lokuqala ludize ukuba, umantyi oneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo (38) ubhubhile obesuka kwilali yasekuhlaleni nomyeni wakhe kunye nabantwana bakhe apho bebesiya kushiya umama wabo. Kukhelelwa ukuba bathe besaqhuba besingise kwaNomlacu ngasecaweni yaseFaith Mission, kwathi gqi imoto emhlophe yohlobo lweFord Ranger double cabl, edlule imoto usapho ebeluhamba ngayo. Abahlali abangachazwanga baqalise ukudubula kwisithuthi sosapho. Ngenxa yokudutyulwa, owasetyhini ekukholeleka ukuba nguMantyi waseMt Ayliff kutyholwa ukuba ubhubhele kwiingozi zokudutyulwa kumzimba ongasentla, ngelixa umyeni enamanxeba amabi okudutyulwa emazantsi nangaphezulu kumzimba. Unyana oneminyaka elishumi elinesithathu (13) obeqhuba nabo emotweni, naye ufumene umonzakalo kwisiganeko siganeko kwaze kwasinda umntwana oneminyaka elishumi (10).

Kutyholwa ukuba umyeni ebengumqhubi ngexesha lesehlo, akakhange amise, koko udlulele kwisibhedlele esikufutshane ukuze afumane unyango. Unobangela wokuhlaselwa kwesi sibini awukaziwa okwangoku. Nangona kunjalo, amapolisa abhalise ityala lokubulala kunye namatyala amathathu okuzama ukubulala ukuze aphandwe. Akukabanjwa mntu okwangoku. Uphando luyaqhuba.

Kucelwa nabani na onolwazi olunokukhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa, uyacelwa ukuba aqhagamshelane nesikhululo samapolisa esikufutshane okanye atsalele umnxeba kule nombolo yokumisa ulwaphulo-mthetho – 086 00 10111. Lonke ulwazi olunikiweyo luya kugcinwa luyimfihlo engqongqo.

Ingxelo: Anita Qubula

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
19.7 ° C
19.7 °
19.7 °
72 %
4.6kmh
99 %
Thu
19 °
Fri
28 °
Sat
20 °
Sun
30 °
Mon
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks