33 C
King William's Town
Sunday, January 26, 2025

Ebethi uzama ukunceda suke izinto zamjikela.

Icebo lokunceda invumi egama lingu mama uLusanda Mcinga liphantse latshabalala emva kwividiyo egxekwe kanobom ngabemi boMzantsi Africa ngelityhola zokuba umfundisi uAnele Heli nobeshicilela levidiyo, egxekwe kabukhali ngabantu besithi isebenzisa lokaMcinga ngenzame zokurhwaphiliza imali eluntwini. Ezizityholo zibukhali ziza emva kokuba kwiveki ephelileyo umfundisi uAnele Heli, ukhuphe ushicilelo lwevidiyo kaLusanda kwikhasi lakhe ecela uncedo kuluntu loMzantsi Afrika kuba esithi ufuna ukushicilela icwecwe lakhe elizayo.

Olushicilelo luyeke lwatyhutyha de lwafika kwiindlebe zoluntu nakwezo ziyiveze ungokungakholelwa koku , ingakumbi ezo zingaqondi iinjongo zikaAnele Heli. Nalapho abantu batyhole ngelithi loka Heli usebenzisa iingcombolo zakhe zebhanki ukufaka imali kaLusanda.

Ezizityholo zihambe de zafika nakubantwana bemvumi uLusanda nabaye babonakalisa umothuko ngeliphulo kwaye bekhaba ngawo omane ngolwazi lwesisenzo okanye uvumelwano lukanina kunye noMfundisi. Kananjalo baye ke bandula ukukhupha ixwebhu eliphikisayo elicebo nanjengoko bebesithi abayazi lento kwaye bazakuyiqonda kunina.

Kumakhasi ezonxibelelwano bekuthe ndiii kambe abanye bekhuza esisenzo salomfundisi etyholwa.

Izolo ke usapho lwakwaMcinga luphinde kwakhona lwakhupha ingxelo emosulayo kwezozityholo ze kwafakwa iingcombolo ezintsha apho lemali yokunceda umama uLusanda mayifakwe khona. Kukwavakala ukuba iingcombolo zokuqala ibingezizo ezikamfundisi koko ezelungu lebandla ngenzame zokunceda umama uLusanda hai ukumphanga.

Iingcombolo ezintsha zezi.

  • ingxelo: Anita Qubula

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
33 ° C
33 °
33 °
35 %
3kmh
0 %
Sun
35 °
Mon
22 °
Tue
30 °
Wed
37 °
Thu
36 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks