19.7 C
King William's Town
Thursday, December 5, 2024

Usigxeke kabukhali uMpathiswa isenzo sokugqejwa kubulawe abantwana(4) ngehamile ngunina.

UMphathiswa weSebe lezoPhuhliso loLuntu, uBukiwe Fanta, ufumanise ngomothuko isiganeko sokubulawa kwabantwana abane, ekutyholwa ukuba babulewe ngumama wabo.

Kutyholwa ukuba umama oneminyaka engamashumi amathathu anesibini(32) ubudala, ubabulele ngehamile abantwana bakhe. Aba bantwana nabaneminyaka ephakathi kwesibini (2) nelishumi elinanye (11) bafunyenwe bebhubhile kwikhaya labo ebebelele kulo nomama wabo.

U-MEC uFanta usazama ukukhawulelana nokubulawa ngokumasikizi kobomi obungenatyala. UFanta uphefumle ngelithi Iyothusa kakhulu into yokubulalawa kwabantwana ngehamile, kodwa ukuva ukuba ngumama wabo ekutyholwa ukuba wenze esi senzo simasikizi, akukho ngqiqweni. Wongeze ngelithi onontlalontle sele belundwendwele olu sapho, njengoko kufuneka ukuba kubekho enkulu yenkxaso yengqondo kusapho nakwilali ngokubanzi.

Ukwayalele onontlalontle ukuba nabo batyelele isikolo eso abantwana bebefunda kuso ukuze banikwe inkxaso ngokwasengqondweni.

UFanta ukwamemelele uluntu ukuba luthethe kwaye lungasokoli luthule.

“Ndifuna ukubhenela uluntu ukuba lusebenzise oonontlalontle bethu kwaye bafune inkxaso yengqondo nanini na xa beziva bephantsi koxinzelelo okanye bexinezelekile. Impilo yengqondo ibaluleke kakhulu kwaye ukuthetha nomntu oqeqeshiweyo kunganceda ukuthintela uninzi lwezi ziganeko kwiindawo esihlala kuzo. ”

U-MEC uza kutyelela usapho phakathi evekini.

Ingxelo:Anita Qubula

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
19.7 ° C
19.7 °
19.7 °
72 %
4.6kmh
99 %
Thu
19 °
Fri
28 °
Sat
20 °
Sun
30 °
Mon
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks