Igunya bantu lezotshutshiso lisiphikse ngokwempumelelo isicelo sebheyile wosihlalo wombutho woLuntu weSizwe waseMzantsi Afrika (SANCO) e-Cathcart, uMziwebongo Burwana (47). Lo kaBurwana ujongene namatyala aquka ubundlobongela eluntwini, ukukhuthuza okuneemeko ezimasikizi, ukuzama ukubulala, kunye nokuba nemipu neembumbulu ezingekho mthethweni. Ezi zityholo zivela kwinqubo yoqhankqalazo oluqhubekayo emveni kokuvalwa izihlandlo ezininzi kohola wendlela u-N6 enqumla phakathi kuledolophu yase-Cathcart. Oku kwenzeke ngomhla wamashumi amabini 23 kule yoMdumba, 2024.
Kutyholwa ukuba ngomhla wamashumi amabini anesithathu (23) kweyoMdumba 2024 kwatshiswa iilori kwaye nezithuthi zabucala zagityiselwa ngamatye njengenxalenye yoqhankqalazo.
Ukufika kwabakwantsasana koluqhankqalazo bahlaselwa. Elinye lamapolisa, ummangali, wabethwa ngasemva wawa. Umtyholwa lo, kutyholwa ukuba wajijisana woxutha umpu welipolisa, waze wazama ukudubula kabini kwelipolisa. Emveni kokuba umpu engadubulanga, umtyholwa lo kuthwa waacela kwabanentsente washiya indawo, wafunyanwa emva kwentsuku ezintathu wabanjwa.
Ngexa kuchaswa ubheyile, umtshutshisi uJongile Yako wakhokela ubungqina begosa eliphandayo kwaye waqinisekisa inkundla ukuba ukukhululwa kukaBurwana ngebheyile kuzakubeka ukhuseleko loluntu esichengeni kwayeekujongela phantsi ucwangco nokhuseleko loluntu. Isicelo sebheyilel kwafuneka sisusiwe e-Cathcartart sisiwe kwindla yaseMdantsane emva kokuba abasebenzi benkundla behlaselwe ngabaqhankqalazi kwaye kwafuneka behlangulwe ngamapolisa.
Ityala liye lahlehliselwa umhla wesihlanu (5) kuTshazimpunzi 2024.
Siyakholwa Vuso.

