25.1 C
King William's Town
Tuesday, October 14, 2025

Balishumi elinesihlanu(15) kuphela abafundi bebanga leshumi(Grade12) kodwa oko akucimi ukukhanya kwe Inkwenkwezi.

Umtu ngumtu ngabantu.

Kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo inenekazi elisakhulayo noMphathi kwijelo losasazo iEC indaba uLisa Zono, ebetyelele kwisikolo samabanga aphezulu eMdantsane INkwenkwezi High School.

Olutyelelo nobelusisimemo esojoliswe kubafundi bebanga leshumi(Grade 12 kunye neleshumi elinanye(Grade 11) ngeenjongo zukubanika amazwi enkuthazo nanjengoko bejongene nee
mviwo zebanga leshumi.

Inkwenkwezi sisikolo sakudala nesaqalwa ngonyaka ka1974 kumhlaba waseMonti eMdantsane. Esisikolo sijongene nomceli mngeni wokunqongophala kwenkxaso mali, kanye leyo incedisa abafundi bebanga leshumi ukuze bakwazi ukufumana imfundo yabucala enokubancedisa ukuphucula iqondo lokupasa kwabo ibanga leshumi(Grade 12).

Ngenxa yamagingxi-gingxi ezezimali kuquka nabazali abaye bangabinayo ngamanye amaxesha imali yokubhatalela abafundi eziklasi, kuye kubenzima kubafundi notitshala uqhubela phambili, ntoleyo eye ikhokeleleka ekubeni abafundi bafune ukusishiya esisikolo baye kwezo zibonakala zingcono kuneInkwenkwezi, kangangokuba abafundi bebanga leshumi balishumi elinesihlanu kuphela(15)

Oko ke kube sesona sizathu nesenze elinenekazi ukuba lisamkele isimemo saseNkwenkwezi kwiinzame zokuncedisana nabafundisi ntsapho ukuphucula imeko yesikolo. Ngosuku lokufika kukaLisa Zono, ebehamba neKumkanikazi yamaxhosa yeKomkhulu laseNqadu uNonzuzo Sigcau kunye nengqonyela yeNkampani yakwaAVBOB uMnu Mtila. Kunikezelwe ngezixhobo zokubhala(stationery) kwaye befike kanye xa iNqununu yesikolo uPhumeza George ebiwonga abantwana abaqhuba kakuhle ngezatifiketi.

Kumazwi enkuthazo nabejoliswe kubafundi uLisa uchaphazele umcimbi wokuzibulala kwabafundi bakuzibona bengaliphumelelanga ibanga leshumi, ecebisa ngelithi, ukungapasi komfundi ayikokuphela kobomi. “Phinda uzame kwakhona” ubomi abukho lula nakubani kodwa xa uyazi into oyifunayo uyayilwela de uyifumane.

Ukanti kusenjalo, esisikolo sizobone sele siwelwa ngumqa eaandleni xa esisigqeba besikunye noLisa naso sifaka isandla ngempahla zokunxiba kubafundi abathile nabazakunxityiswa iUniform yabo kungekudala kuquka namalinge okulungisa isikolo sibekumgangatho ongcono.

Umtu ngumtu ngabantu.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
25.1 ° C
25.1 °
25.1 °
42 %
8.4kmh
61 %
Tue
23 °
Wed
23 °
Thu
15 °
Fri
28 °
Sat
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks