Bambethele ooGqirha nezicaka!!!

Ngomvulo umhla we(4 April 2022) abahlali bengingqi yaseQuigney bavuswe yintsholo isitsho ngaphandle, kanti kuleqwa isigelekeqe sonqevu. 

Kuvakala ukuba esisigelekeqe besizinika kwiimoto zabantu nebezipakile endleleni ephakathi kwezindlu. Caba urheme ebonwabile, ethe chuu ukukhuthuza oko akufunayo kanti ngolusuku utsho phantsi isitya sigcwele. Ngelishwa lakhe uye wabhaqwa ngabahlali nabathe bakhwaza abanye.

 Unqevu ke, wakuva iintsholo yekhwelo ngokubanjwa kwakhe yhoo, wacela kwabasicatyana engena phakathi kwezindlu de wayokufunyanwa ezifuhle phezu kwendlu kude kufuphi nendawo leyo ebekhuthuza kuyo.

 

Abahlali abalibazisanga, bengena kuye ngako konke abanako, izimpama, ukukhatywa njalo njalo. Bambethele ogqirha nesicaka kwaye beme ngelithi badiniwe ngonqevu eQuigney abothula iimpahla zabantu logama abanye beqhekeza kwizindlu zabo. 

Sithetha nje unqevu lo uyagcuma ziintlungu nanjengoko ethe wathathwa ngabezoncedo lokuqala kwizigulane. 

Amapolisa afike sele kuthe kcwee kwaye unqevu lo ethe tywaa endleleni kodwa esaphila. 

#ubundlobongela abubhatali

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
89 %
2.4kmh
60 %
Sat
28 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
15 °

EZITHANDWAYO INDABA