Ibinganethi ibidyudyuza ngosuku lweExpo eMonti.
Kulempela veki sisuka kuyo ngoMgqibelo, umhla we(2 April 2022) elijelo losasazo iEC indaba, libambisene neKumkani fm kunye neVulato Group besibambe ingqungquthela yosomashishini bephondo leMpuma Koloni ngokubanzi, kwiinzame zokufundisa nokuxhobisa osomashishini ngezakhono kunye nokufumana inkxaso ngokweendlela ezohlukileyo zokukhulisa amashishini abo.
Kulomsitho iinkampani ebezimenyiwe nezifana nooNYDA, ECDC, Standard Bank kunye neSouth African Youth Counsil(EC) bezikhona ukuzokuxhobisa osomashishini kwanokubanika umkhomba ndlela wokufumana inkxaso mali zokuqala okanye ukuphuhlisa ishishini lakho. Ukanti ke nosomashishini bebeqhayisa ngeemvaliso zabo,abanye ingabathungi beempahla, abenzi beentsimbi, ukutya, ababolekisi beemoto nabo balungisa (windscreen)
Siyazingca kakhulu ngabo bathe bathatha inxaxheba yokubaphakathi kwethu kulomsitho ubuyintsikelelo. Sibulele abo bakhabe iingubo, bedela ingqele ebikhatshwa zizandyondyo zemvula ebinetha kodwa bazixelela ukuba bayeza.
Uninzi aliwuvali umlomo ingakumbi kwizipho ebezingunika-nika kwabo bebekhona. Lomsitho ufundise ngamadla ukunikela kwaye uvule nesandla kummelwane wakho ukuze nawe ukwazi ukufumana.
Sithi huntsu nakwabo baphumelele ukhuphiswano lethu iNkampani kaAnele Ngxabani we Meyase Project & Business Solutions ophumelele ukwenza umgaranto wakhe kwiKumkani fm kwakunye neEC indaba kwisithuba seenyanga ezintathu, no Asanda Magadla kunye noYiva Futshane. Senze nombulelo ongamandla kwiqela leLPQSS indalo nelinikele ngomthungo welokhwe entle kakhulu, kunondaba nomququzeleli weEC indaba nobesimele silelijelo ngolusuku.