9.1 C
King William's Town
Wednesday, July 17, 2024

Bane abadlali abatsha abancinci nabanethemba lokonyuselwa kwinkampu eye eTurkey.

UJessica ubathomalalisile abalandeli ngoKhune, uthe mabalinde de kugqitywe ngaye.

IKaizer Chiefs ihambe nabadlali abane (4) abaseze ngobuswe elizweni ukuya eTurkey nekubonakala ukuba bangonyuselwa ukusuka kwiqela lophuhliso labadlali, abo badlali kubonakala ukuba bangafumana ukonyuselwa nje ngabadlali ababonakala benesakhono bezimisele kananjalo bedlale indima enkulu ekubekeni iqela elidlala kwiligi yabasakhulayo kwindawo entle.

USiphelele Tati, uNkosana Mbuthu, uManqoba Ozoemena noKhune omncinci uBontle Molefe.

UManqoba sele esaziwa kakhulu ngegama lokuba nguPelembe ebesando kuncedisa iqela elisezantsi izihlandlo ezintathu ekufakeni amanqaku kumdlalo ebebewudlala kutsha nje.

UBontle Molefe yena ubonakala ezakuthatha indawo ka-Itumeleng Khune, nangoku sele ebizwa njengoKhune omncinci kungoku nje. Yena uMbuthu indlela ayiyo nomzimba wakhe nokwakheka ibonisa ukuba ungumdlali oqotho osemncinci uneminyaka nje elishumi elinesibhozo (18) ubudala.

USiphelele yena udlala esiswini uneminyaka elishumi elinethoba ubudala.

IChiefs isajonge ukufuna abadlali abafana noLebo Mothiba, uFiston Mayele, uIqraam Rayners noEllias Mokwana.

Jessica Motaung ongomnye wabaphathi kweliqela ejongene nokuthengisa iqela ukuba laziwe ngakumbi, uvakalise ukuba abalandeli mabalinde ukuba ithini into ngoKhune xa sele beqoshelise yonke into ngaye, ukhumbule ukuba u-Itu waphelelwa sisivumelwano sengqesho kwiChiefs kunangoku akukabikho nto ngaye, nangoku lonozinti uneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe (37) ubudala akayanga eTurkey, kuhambe uVuma, uMolefe noPetersen.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
9.1 ° C
9.1 °
9.1 °
74 %
1.8kmh
3 %
Wed
21 °
Thu
24 °
Fri
21 °
Sat
18 °
Sun
14 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks