15.2 C
King William's Town
Wednesday, July 17, 2024

Zikhala esimantshiyane iiSuperfans ngesigqibo sikaMckenzie.

Umbutho wabalandeli kwezemidlalo ucele umhlangano noMckenzie.

UMongameli wombutho wemidlalo eMzantsi Afrika iSouth African National Supporters Association Union uSaddam Maake kwakunye neqela elaziwa ngokuba ziSuperfans baceba umhlangano nomphathiswa omtsha wezeMidlalo iNkcubeko nobuGcisa uGayton Mckenzie.

Oku kufunwa kwalomhlangano kuza emva kokuba umphathiswa evakalise ukuba akusayi kuphinde nanini na kuphume imali kwingxowa-mali karhulumente iyokuxhasa ihambo kubalandeli iiSuperfans kwakhona.

UMaake ucele umhlangano nomphathiswa wezemidlalo uGayton McKenzie.

EziSuperfans kuthethwa ngazo nguBotha Msila, uSaddam Maake noMama Joy Chauke. Ababalandeli balifumene eligama emva ngokulandela amaqela amathathu (3) anabalandeli abaninzi anjengeKaizer Chiefs, iOrlando Pirates neBloemfontein Celtics, bephumelela kuyo yonke imidlalo yalamaqela ukusuka oko yasungulwa iPSL ngee-90s.

EziSuperfans bakwandisile ukuxhasa amaqela ezemidlalo ngokuya nakuyo yonke imidlalo yeBafana Bafana, khange baphelele apho, sababona beba kwimidlalo yombhoxo izitsibabhokhwe, kwiqakamba nalapho benxiba izinxibo zeeProteas, kananjalo nakwibhola yomnyazi benxibe ezozimbhatho zeqela lesizwe lamagqiyazana eeProteas zebhola yomnyazi. Aba balandeli baxhasa iqela sele libethwa, liphumelela libambana ngamanqaku kubo kuyafana banika inkxaso engazenzisiyo nengagungqiyo.

Bebesoloko belanyaziswa ziiKhamera ngalolonke ixesha bexhasa lamaqela ebhola ekhatywayo namaqela esizwe kwimidlalo eyohlukeneyo kulapho babonwa khona ukuba bangamathandazwe.

USaddam Maake uthi ubiza lomhlangano kuba efuna bafumane ithuba elihle lokucacelwa ngemiba ethile kuba abanye babo bathande ukubhideka. NgoLwesithathu uMckenzie ukhuphe uluhlu lwabantu abaxhamlayo kuba bebandakanyeka kwezenkcubeko, ezemidlalo, nezobugcisa, nabathi bafumana inkxaso kurhulumente ngemali ekumawaka alishumi (R10 000) erandi ukuya kumawaka angamashumi amabini (R20 000) erandi ngexesha kwakugqugqisa iCovid-19 kwelilizwe.

Umphathiswa uthi ebengazami kuphoxa mntu ngethuba ebhengeza amagama abantu abangamawaka alithoba(9000) nabathi baxhamla kwingxowa- mali yeCovid 19.

Owayesaku sebenza njengegosa lonxibelelwano kwiofisi yesebe lezemidlalo inkcubeko nobugcisa u-Esetu Hasana ubongoze uGayton ukuba aphinde asicingisise isigqibo sakhe. UHasana uthethelele iiSuperfans esithi zixhase amaqela esizwe ezemidlalo nangona bebengafumani nxaso kwezezimali kurhulumente.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
47 %
1.4kmh
18 %
Wed
21 °
Thu
24 °
Fri
21 °
Sat
15 °
Sun
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks