Inkampani yeebhasi eMzantsi Africa iphumelele okwesihlani kwidabi layo lokulwa nobundlobongela obujoliswe kubaqhubi nabakhweli balenkampani.
Eyona nkampani yeebhasi ezinkulu eMzantsi Afrika i-Intercape, iphumelele idabi layo lesihlanu nelokugqibela ezinkundleni zamatyala ngokuchasene namaPolisa kunye neSebe lezoThutho leSizwe, nelithe layalelwe ukuba liqulunqe amanyathelo okulwa nobundlobongela obujoliswe kubaqhubi beebhasi ezihamba umgama omde kunye nabakhweli.
Ingqonyela ye-Intercape uJohann Ferreira uthi olu luloyiso oluphawulekayo kukhuseleko lwezothutho loluntu eMzantsi Afrika nanjengoko iCandelo leNkundla ePhakamileyo eMpuma Koloni lisichithile isibheno ebesifakwe nguMphathiswa wezoThutho nenkonzo yamapolisa ephondweni.
La maqela abambene ngetyala ukusukela ngo-2022, ngethuba i-Intercape yaphumelela umyalelo wenkundla owawunxamnye nowayesakuba nguMphathiswa wezoThutho uFikile Mbalula kunye namagosa ephondo.
Ingqonyela uFerreira uthi ukusukela ngoko, babhalise amatyala alikhulu namashumi asixhenxe ananye kumapolisa aqala ngawokubetha, ukonakaliswa kwempahla, ukoyikisa nokubulala, axelwe ikakhulu eMpuma Koloni.
Uthi ukuza kuthi ga ngoku, akukho namnye umntu obanjiweyo.
UFerreira uthi ukusukela ngo-2015, iibhasi ze-Intercape zijongene nohlaselo ngabaqhubi beeteksi kunye nemibutho efuna ukukhusela umhlaba wabo. Abakhweli abaliqela baye bonzakala, yaye kwiminyaka emibini edluleyo, omnye wabaqhubi wabo wadutyulwa wasweleka.
Iingxelo zidiza ukuba, ngaphandle kwesi sigwebo sesihlanu kwicala le-Intercape, akukho nasinye kwizigwebo esikhuthaze urhulumente namapolisa ukuba athathe amanyathelo. Kwanomyalelo wenkundla wokuba iibhasi zikhatshwe ngamapolisa awuzange ufezekiswe.
Ethetha nomthombo weendaba weAlgoa uFerreira uthe “Urhulumente ulwe nelidabi ngandlela zonke, edla imali yabahlawuli berhafu ezizigidi zeerandi, endaweni yokuza necebo nje ekwenzeni okulungileyo ngokuthobela umyalelo wenkundla. Esithi kodwa izalisekise isigunyaziso sayo somgaqo-siseko ngokuqinisekisa ukhuseleko lwabantu bayo.
Kusenjalo I-Intercape ithi inethemba lokuba uRhulumente woManyano weSizwe (GNU) phantsi koMphathiswa omtsha wezoThutho uBarbara Creecy kunye nomphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu uzakuwuthobela lo myalelo wenkundla.
By Zimbini Mdolomba.