Amaphulo agxile ekuphuculeni uthintelo lolwaphulo-mthetho kunye nesicwangciso sokulwa athe aqhutywa kwiindawo ezahlukeneyo eMpuma Koloni, akhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa abayi-1 228 ngezenzo zolwaphulo-mthetho ezahlukeneyo, kwafunyanwa imipu elishumi elinesithandathu (16) phakathi komhla weshumi elinesihlanu (15) ukuya koweshumi elinanye (21) kweyoMsintsi 2025.
INkonzo yaMapolisa oMzantsi Afrika (iSAPS) ngentsebenziswano nabanye abachaphazelekayo abafanelekileyo iphumeze amanyathelo angama-91 784 ewonke, phakathi kwawo ibe ngama-53 omsebenzi onzulu kakhulu ukususela ngoLwesine ukuya ngeCawe.
Uninzi lwabarhanelwa kumatyala anzima baye bamangalelwa, kwaye amatyala abo abhaliswa kwiinkundla zoomantyi ezohlukeneyo zaseMpuma Koloni.
Kwizenzo eziphawulekayo nazi ezirekhodiweyo:
Izithintelo zendlela ezingama-45, kunye neendawo zokuhlola izithuthi ezingama-820 ezilawulwayo. Abantu abayi-29 578 abaye basetshwa. Kwasetshwa iimoto ezili-10 809. Kwasetshwa iipropati zabucala ezingama-652.
Ngama-2 277 amaziko okuthengisa utywala ahloliweyo. Kwavalwa iishibhini ezintlanu (5). Kwahlolwa iivenkile eziyi-14 786.
Kwabanjwa abaqhubi beenqwelo-mafutha abangama-88 bebanjelwe ukuqhuba benxilile, kwabanjwa abarhanelwa abangama-270 ngokuba neziyobisi ezingekho mthethweni. Abarhanelwa abangama-293 ngokubetha ngenjongo yokwenzakalisa umzimba kabuhlungu nabo babanjwa. Abarhanelwa abali-102 ngohlaselo oluqhelekileyo nabo babanjwa.
Nabanini beeshibhini abangama-43 bohlwaywa ngokuqhuba iindawo ezithengisa utywala ngaphandle kwemvume. Kwabanjwa abarhanelwa abali-16 ngokuba nemipu ngokungekho mthethweni.
UMkomishinala obambeleyo wePhondo, uNjengele Thandiswa Kupiso uncome abohlukeneyo abachaphazelekayo ngokuzinikela kwabo kule misebenzi.
“Umsebenzi wethu unokulinganiswa, kwaye imikhosi esebenza nabantu yenza umsebenzi obalaseleyo, kugxilwe ngokukodwa kwiindawo ezishushu kuzo zonke izithili zephondo. Elona nqanaba lokugqibela lokulinganisa impumelelo yala manyathelo ngabathengi bethu, oku kuthetha ukuba abantu baseMpuma Koloni, abachatshazelwa ngokuthe ngqo okanye ngokungathanga ngqo zizenzo zolwaphulo-mthetho”, wongeze watsho uMaj Gen Kupiso.

