Banikwe izipho zokuphuhlisa amashishini abo kwimbizo yamanina eAlfred Nzo

INkulu baphathiswa yePhondo leMpuma Koloni uOscar Mabuyane ngosuku lwamanina, ebetyelele kuMaspala waseAlfred Nzo eMatatiel, apho ebesenza intetha ukubhiyozela olusuku ngokusesikweni.

Lombhiyozo nobubanjelwe kumabala emidlalo(Matatiel Open Ground sports field) nobubhexeshwa nguMphathiswa kweZemidlalo uBugcisa neNkcubeko uFezeka Nkomonye ubuyintsikelelo kwabanye. Olusuku lubone amashishini amanina amabini(2) aseMatatiele elizwa ngezipho ezibakhuthaza ukuba baqhube ukuphumelela kumashishini abo.

IOfisi yeNkulubaphathiswa ilize iNkampani esakhulayo iLulo Pastry ngezixhobo zokusebenza neziquka izito zokupheka;amacephe; izitya; imikhenkce(fridge) nokuninzi. Zonke ezizipho zixabise imali engange R263 000. Ukanti neZama Mpila Trading ifumene, inikwa iintente; izindlu zangasese; amalaphu eetafile; iitafile kunye nomnyobo webhaki. Ezizipho zixabise imali enganeR520 000

Abo baxhamlileyo kweliphulo ngolusuku, abakwazanga ukuzibamba iinyembezi luvuyo kwanokubulela iNkulu baPhathiswa nesigqeba sakhe ngokubaxhasa.

Ibengezozipho kuphela ebeziphambili kulomsitho koko nentwazana egama linguNolufefe Tshongweni waseNtabankulu nothathe ethuba ebalisela uNkulu baphathiswa ngentlungu akhule phantsi kwayo. Lo wasetyhini, ebenyembezana ngethuba ebalisa indlela awadlwengulwa ngayo, kwanokuthwalwa emncinci. Uthi esisenzo sokuthwalwa kwakhe samohlutha ilungelo lokuya esikolweni afunde.

Kwintetha kaMabuyane ucaphule amazwi otata nobemamele ngethu uNolufefe echaza imbilini yakhe, utata esithi oku akuvileyo kumxhelike emphegumlweni.

UMabuyane ngethuba ethetha uthe” Masibe nguRhulumente osulungekileyo kwaye sibuyisele ithemba ebantwini “

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
24.5 ° C
24.5 °
24.5 °
69 %
4.3kmh
60 %
Sat
22 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA