Baqikelelwa kumashumi amabini(20) abantu ababhubhe kwiingozi zendlela kulempela-veki.

Kuqikelelwa kubantu abangamaShumi amabini (20) abasweleke kwiingozi ezahlukeneyo kwiindlela zePhondo leMpuma Koloni ukusukela kusukela kwimpela veki esisuka kuyo, ezi ngozi zimasikizi zibulele abantu ziquka abakhweli abathandathu(6), nesithathu (3) yabantwana, abaqhubi abane (4 )nabahambi ngeenyawo abasiXhenxe (7).

Esona siganeko sibemasikizi kakhulu kwezi zehlo, senzeke kuhola wendlela uN2 eQonce ngaseBreidbach esingise eMonti nalapho isithuthi esinye siye saphulukana nolawulo saze sabhukuqa nge 26 kweyeNkanga 2022 malunga nentsimbi ngeShumi emva kwentsimbi yeSithathu (15H10).

Imoto ebizwa nge-Isuzu double cab ebina bantu abangamashumi amabini anesithathu (23) ekurhaneleka ukuba ibiphuma eQonce isingise eMonti.

Kukholelwa ukuba umqhubi uphulukene nolawulo lwesithuthi kwaze kwabhukuqa abafana abathathu abangamadoda naba qikelelwa eminyakeni eliShumi elineshixhenxe (17) kunye neneshimi elineSixhenxe (16) ubudala ababhubhele kwindawo yesigameko ngelixa abangamaShumi amaBini (20) kubandakanya nomqhubi bafumana ukonzakala. Abonzakeleyo basiwe kwisibhedlele saseGrey.

Ukanti nge27 yalenyanga malunga ngentsimbi yeSithathu (03H00) kwindlela engu-R63 ephuma eDimbaza isiya eQonce ngaseMdingi, indoda ebihamba ngeenyawo eqikelelwa kwiminyaka engamaShumi amaThathu anesithoba (39) ubudala itshayiswe yimoto yaza yabhengezwa njengoswelekileyo kwindawo yexhwayelo.

Ingxelo:Anita Qubula

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA