Uzothini kanti apha kum xa ungazofuna ukuba silale(sex)

Uzothini kanti apha kum xa ungazo funa ukuba silale(sex)

Xa ndize kuwe ndizele ukuba undibeke esifubeni ndonwabe kuwe hai ukuba ufune ukuzithathela kum ngokwesondo. Leyo yingxoxo eqhubayo neyenziwa ngumbutho ongenanto yakwenza noRhulumente iBack 2 Basics yaseNtshona Koloni nendwendwele kumhlaba waseNgqushwa ukuxhobisa amapolisa kunye noluntu kwimiba yokuxhatshazwa kwamanina nabantwana kuMzantsi Afrika uphela.

Eliqela lifika eMpuma Koloni lihambisana nomnye umbutho waseMonti iMasimanyane Women’s rights kwiphulo lokulwa ulwaphulo mthetho olugqubayo kweli kuquka neempawu ezikhokelela kuxhatshazo ngokwesini(GBV)

IBack 2 Basics yaqulunqwa ngonyaka ka2015 eNtshona Koloni ngeenjongo zokuphucula umtu omnyama kwaye exhotyiswa ngeendlela zokuziphatha, ukufumana amandla okulwa nobundlobongela ngokwesini.

Sithetha nje, lenkqubo iyaqhuba eNgqushwa kwaye kukho namavolontiya angena umnyango nomnyango ukuxhobisa abantu ngamalungelo abo. Lenkqubo, neqale izolo umhla we(28 Nov 2022) isaqhuba isithuba seentsuku ezintathu iphele ngomhla wokuqala(1st Dec 2022)

Umququzeleli walomsitho uSiyasanga Mjenxane uthi eliphulo lelokuncedisa abantu basezilalini ingakumbi abo baphuma kwiimeko ezisokolayo nabangamaxhoba okuxhatshazwa.


Ukanti iBack 2 Basics Foundation inayo iofisi eseNgqushwa kunye nesikhululo samapolisa nenomtu okwaziyo ukuthetha nabantu abaneengxaki ngokwahlukana kwazo kwaye oqeqeshiweyo. Lombutho uqubisana kanye ne(GBV) ukunika inkxaso nolwaluleko lwengqondo kwabo baludingayo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
28 ° C
28 °
28 °
51 %
0.9kmh
43 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA