Basebenzisa isiganga ukuzenza mfutshane abafundi nootishala besikolo saseMthatha

Kwisikolo samabanga aphantsi iZwelinzima eMthatha, eMpuma Koloni, kunyanzeleke ukuba abafundi nootitshala basebenzise ibala elivulekileyo njengendlu yangasese.

Esi sikolo sinabafundi abangaphezulu kwamakhulu amabini (-200) ukusuka kwibanga R ukuya kwelesixhenxe (7), ootitshala abalishumi (10) nabasebenzi abathathu (3). Sithetha nje, kwesisikolo kukho izindlu zangasese zemingxuma emidala kodwa azisakhuselekanga ukuba zisetyenziswe.

Usihlalo webhodi elawula isikolo uThulani Gana uthi kudala becela isebe lezemfundo eMpuma Koloni ukuba libakhele izindlu zangasese isithuba esingaphaya kweminyaka emithandathu (6). Uthi ngalo lonke ixesha bexelelwa ukuba kuya kuthunyelwa iqela ukuba lihlole imeko. Kwiminyaka emithathu (3) eyadlulayo kwafika igosa elinye. “Wathatha imifanekiso yezindlu zangasese ezindala. Wasixelela ukuba ezo foto uza kuzithumela kwelinye isebe. Samlinda ukuba abuye njengoko ebethembisile, kodwa akazange abuye,” utshilo uGana.

Esi sikolo saqalwa ngabazali ekuqaleni kweminyaka yoo-1990 nabakha ooronta abambalwa bodaka. Ngo-2014, umbutho waphesheya wakha izindlu zangasese ezigungxulwayo kwesi sikolo, kodwa zahlala zivaliwe. UGana urhanela ukuba izindlu zangasese bezimilwe.

“Sithe [ngo2015] sagqiba ekubeni sakhe izindlu zangasese ezinemingxuma ngeli xesha silindele ukuba isebe lisenzele izindlu zangasese ezifanelekileyo,” utshilo uGana. “Andazi ukuba sityelele kangaphi kwii-ofisi zabo sicela into enye kuphela – izindlu zangasese. Ngaphambili sasimane sityelela iiofisi zabo sicela isikolo, abasilelayo ukusakha. Ngoku, sinaso isikolo, sicela izindlu zangasese ezifanelekileyo. Ukanti urhulumente wethu uyasilela. Mhlawumbi balindele ukuba kufike omnye umbutho ongenzi ngeniso kurhulumente ukuze bakwazi ukubanga eli wonga,” utshilo.

Isithethi sesebe ephondweni uMalibongwe Mtima uthe umlawuli wesithili uzakuthumela igqiza liyokwenza uvavanyo eZwelinzima. Umfundisi-ntsapho ocele ukuba lingachazwa igama lakhe uthe rhoqo ekuseni xa esiya esikolweni uthandazela ukuba kungafuneki asebenzise indlu yangasese. “Khawufane ucinge ukuba [abafundi] banokundibona ndizikhulula entsimini,” watsho.

U-Itumeleng Mothlabane, intloko yephondo ye-Equal Education, uthe, ngokwengxelo ye-Education Facility Management System ka-2023, ezingamakhulu amahlanu anesithandathu (-506) izikolo ezisaxhomekeke kwizindlu zangasese zemigodi kweli phondo. Uthe nangona kunjalo, isebe libuyisela imali engasetyenziswanga yeziseko zophuhliso ezikolweni. Ulebele ngeithi kwisikhumbuzo seshumi leminyaka lemimiselo nemigangatho yoluntu
Iziseko zezikolo kunyaka ophelileyo, babambe umngcelele besiya kwi-ofisi yezemfundo yephondo eZwelitsha befuna kupheliswe izindlu zangasese zomngxuma. Nangona kunjalo, akukho sicwangciso sele size ngaphambili.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
21 ° C
21 °
21 °
82 %
2.9kmh
77 %
Fri
35 °
Sat
25 °
Sun
19 °
Mon
19 °
Tue
14 °

EZITHANDWAYO INDABA