KUBHUBHE BABATHATHU KONZAKALA ABABINI KUDUBULO LAYIZOLO EQONCE.
Kubonakala ukuba iya ibasisiqhelo umba weziganeko zokudutyulwa kwidolophu yaseQonce mvanje noxa nje umntu engayazi funeka aphephe xa ehamba kwesiphi isitalato.
Ziphume zingxamile kwisibhedlele saseGrey izithuthi zezigulana emva kokuba kuye kwavakala ukuba zithululwe zade zafika kwisisixhenxe iimbumbulu zabulala babathathu(3) konzakala ababini(2), kwisitalato iVictoria eQonce phezolo umhla wamashumi amabini anesihlanu kule yekhala ngentsimbi yesithandathu. Aba badutyuliweyo baphakathi kweminyaka engamashumi amathathu(30-38) ukuya kwanesibhozo ubudala.
Ngokwengxelo esuka kwisithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidoo, uthe lilo elokuba kuvulwe uphando malunga nesiganeko esehle kwesisitalato kwaye unobangela akakaziwa nanjengoko ke bengenokukhupha enye ingxelo ngenxa yobunzulu bophando. Sithetha nje akukabanjwa mtu kwesisiganeko.
Ingxelo:Siya Sitofile

