18.2 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

Bavote kule mpelaveki abemi beli abahlala kumazwe angaphandle

Kushiyeke iveki nje kuphela ukuba lufike ulonyulo jikelele lwaseMzantsi Afrika. Abemi baphesheya, nangona kunjalo, bafanele ukuba bavote kule mpelaveki.

IKomishoni yoNyulo ivumela abemi boMzantsi Afrika abangasahlali kweli lizwe, ukuba bavotele ukuba ngubani oza kulawula ilizwe.

Bangamashumi asixhenxe anesithandathu amawaka namakhulu amahlanu anamashumi asibhozo (76 580) bebonke abantu ababhalisele ukuvota kumaphulo oMzantsi Afrika angaphandle alikhulu elineshumi elinanye (111) kwihlabathi jikelele.

Kwisikhululo sase Ireland bekubungazwa nge (lekker braai), kunye nomculo othile waseMzantsi Afrika wokwamkela abavoti kwisikhululo sokuvota.

I-Ireland yindawo yesihlanu enkulu yamazwe angaphandle ngokwenani labavoti. ILondon inkqenkqeza phambili ngamashumi amabini anesihlanu amawaka (25 000) abantu abhalisiweyo

EStockholm, eSweden bangamakhulu amahlanu (500) abavoti ababhalisele ukuvota. Aba bavoti baya kufumana kuphela ivoti yembuyekezo yesizwe, apho amaqela ezopolitiko angamashumi amahlanu anesibini (52) alwela izihlalo kwiNdlu yoWiso-mthetho, aya kuvela.

Ukuvota kuyaqhubeka eLondon, eUnited Kingdom, ngeCawe umhla weshumi elinethoba (19). Esi sesona sikhululo sovoto sikhulu eMzantsi Afrika nangaphandle.

Bekukho umoya wochulumanco njengoko abemi boMzantsi Afrika befumana ithuba lokuvotela amaqela abawathandayo kunyulo lukazwelonke.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
47 %
4.1kmh
7 %
Wed
21 °
Thu
13 °
Fri
13 °
Sat
18 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks